Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ukungcungcuthekiswa Kuya Kuze Kuphele?

Ngaba Ukungcungcuthekiswa Kuya Kuze Kuphele?

 Emva kokungcungcuthekiswa, uye uzibuze uthi: ‘Ngaba uThixo usikhathalele? Kutheni kusenzeka ezi zinto? Ngaba ukungcungcuthekiswa a kuya kuze kuphele? Ndiza kuphila njani ndisoyika kanje?’ IBhayibhile inazo iimpendulo zale mibuzo.

Uthini uThixo ngokungcungcuthekiswa?

 UThixo uyakucaphukela ubundlobongela nokungcungcuthekiswa. (INdumiso 11:5; IMizekeliso 6:16, 17) UYesu ofana noYehova, naye wabangxolisa abalandeli bakhe xa babhenela ekulweni. (Mateyu 26:50-52) Abanye bayalwa besithi loo nto bayenza egameni likaThixo, kodwa akavumelani naloo nto. Phofu akazihluphi nangokuyimamela imithandazo yabo.—Isaya 1:15.

 UThixo ubakhathalele abantu abasokolayo nabahlaselwayo xa bengcngcuthekiswa. (INdumiso 31:7; 1 Petros 5:7) IBhayibhile ithi ikhona into aza kuyenza uThixo, uza kukuphelisa ubundlobongela.—Isaya 60:18.

Kwabakho njani ukungcungcuthekiswa?

 IBhayibhile ithi, esona sizathu sokuba kubekho ukungcungcuthekiswa kukuba xa: “Umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.” (INtshumayeli 8:9) Ukususela kwakudala, abantu abalawulayo bebebacinezela abanye ngokubangcungcuthekisa. Ngenxa yale nto, nabanye baye babangcungcuthekisa abanye ukuze bazilwele.—INtshumayeli 7:7.

Isiphelo sokungcungcuthekiswa

 UThixo uthi uza kuphelisa ugonyamelo kungabikho mntu woyikayo kuze kubekho uxolo emhlabeni. (Isaya 32:18; Mika 4:3, 4) Uza:

  •   Kususa into eyenze kwabakho ukungcungcuthekiswa. UThixo uza kususa oorhulumente babantu, abeke urhulumente oza kulawula emhlabeni wonke. UMlawuli walo rhulumente, uYesu Kristu, uza kubaphatha ngendlela efanayo bonke abantu. Uza kuphelisa ugonyamelo nokucinezelwa. (INdumiso 72:2, 14) Ngelo xesha, akukho mntu oza kungcungcuthekisa abanye. Abantu “baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”—INdumiso 37:10, 11.

  •   Kulungisa zonke iingxaki ezize nokungcungcuthekiswa. UThixo uza kuziphelisa iintlungu ezibangelwe kukungcungcuthekiswa ebantwini nokuba zisemzibeni okanye zisengqondweni. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:3, 4) Uthembisa nokuba uza kuvusa nabafileyo baphile kwihlabathi elinoxolo.—Yohane 5:28, 29.

 IBhayibhile yenza sikholelwe ukuba uThixo sele eza kuyenza le nto. Kodwa ke, inoba uyazibuza ukuba ‘Kutheni uThixo engekakuphelisi ukungcungcuthekiswa?’ Ukuze ufumane impendulo, bukela ividiyo ethi Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

a Igama elithi “Ukungcungcuthekiswa” lithetha ukwenza abantu boyike ukuze kubekho utshintsho kwezepolitiki, ezonqulo okanye kwintlalo yabantu. Kodwa ke abantu basenokuyiphikisa into yokuba uhlobo oluthile lukukungcungcuthekiswa.