Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Ukuphawula Indawo Obukuyo—Kwi-iOS

Ukuphawula Indawo Obukuyo—Kwi-iOS

KuJW Library ungakwazi ukuphawula indawo ubukuyo xa ufunda, njengokuba ubuza kufaka into kwincwadi eprintiweyo. Nto nganye efundwayo kuJW Library inezi mpawu zilishumi.

Landela le miyalelo ukuze uphawule indawo obukuyo:

 Ukuphawula Indawo Obukuyo

Unokucofa olu phawu kwinqaku, kwisahluko, kwisiqendu nakwivesi yeBhayibhile.

Ukuze wazi apho ubuphele khona kwinqaku nakwisahluko, cofa olu phawu. Emva koko kuvela uludwe olunezi mpawu zoncwadi olufundayo. Cofa olungenanto ukuze wazi apho uphele khona kwinqaku nakwisahluko.

Ukuze wazi apho ubuphele khona kwisiqendu okanye kwivesi ethile, qala ucofe indawo leyo; uze ucofe olu phawu kwisiqendu eso.

 Yiya Kwindawo Obukuyo

Xa ufuna indawo obukuyo, cofa incwadi obuyifunda uze ucofe olu phawu. Cofa indawo ofuna ukubuyela kuyo.

 Faka Uphawu Okanye Ulususe Kwindawo Obuphele Kuyo

Xa indawo obukuyo ikhona unokuyisusa okanye ufake enye endaweni yayo.

  • Xa ufuna ukuyisusa, cofa olu phawu, emva koko ucofe olu ecaleni kwendawo obuphele kuyo ofuna ukuyisusa. Cofa u-Delete.

  • Ukuze ufake enye endaweni yayo, cofa olu phawu; emva koko cofa olu phawu ecaleni kwendawo ofuna ukufaka enye kuyo. Cofa u-Replace. Kungena enye indawo obuphele kuyo. Le ndlela iyanceda ukuze wazi apho ubuphele khona kuncwadi olufundayo. Ngokomzekelo, indawo okuyo kufundo lwakho lweBhayibhile.

Ezi zinto zakhululwa ngoMeyi 2014 neJW Library 1.2, ehambelanayo ne-iOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa I-JW Library​—Kwi-iOS,” ngaphantsi kwendawo ethi, Fumana Izinto Ezintsha.