Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LIBRARY

Ukufunda Ngendlela Elungele Wena—KwiAndriod

Ukufunda Ngendlela Elungele Wena—KwiAndriod

Kukho izinto ezininzi ku-JW Library zokukunceda uphucule indlela ofunda ngayo. Ezi zinto zingasentla kwisixhobo sakho xa ufunda isahluko okanye inqaku.

Kusenokufuneka ucofe kolu phawu ukuze ufumane izinto ezingakumbi.

Landela le miyalelo ukuze ufunde ngendlela elungele wena:

 Tshintsha Ulwimi

Unokulutshintsha ulwimi lwesahluko okanye inqaku olifundayo.

  • Cofa kolu phawu ukuze ubone zonke iilwimi efumaneka ngazo indawo oyifundayo. Iilwimi ozisebenzisa kakhulu zivela kuqala kuludwe. IMboniselo eyenziwe lula yesiNgesi nayo iyavela apha. Unokukhangela ulwimi ngokubhala igama lalo.

  • Iilwimi ezingekadawunlowudwa ziba nophawu lwelifu. Cofa ulwimi ukuze udawunlowude uncwadi. Xa incwadi ingenile kwisixhobo sakho, ilifu liyasuka. Phinda ucofe ulwimi ukuze ufunde.

 Ubungakanani Bamagama

Ungenza uncwadi lwakho lufundeke ngendlela ebonakala lula kuwe.

Cofa ku-Text Settings; uze uhambise umnwe ukuze wenze amagama abe mancinci okanye abe makhulu. Oku kwenzelwe lonke uncwadi onalo kuJW Library.

 Jonga Imifanekiso Okanye Amagama

Amanye amanqaku aba yimifanekiso okanye ibe ngamagama. Cofa kuphawu olufanelekileyo ukuze uye kwindlela ofuna livele ngayo.

  • Jonga Umfanekiso: Imifanekiso ikubonisa indlela elibonakala ngayo inqaku xa lisephepheni. Abanye bakhetha le ndlela kwiincwadi ezinjengeculo, apho iye ibonise iinotes.

  • Jonga Amagama: Amagama abonisa imibhalo yeBhayibhile eyilinki onokuyicofa aze abe makhulu ngokwendlela ofuna ngayo.

 Indawo Ethi Open in . . .

Kwindawo ethi Open in . . . uyakwazi ukubona izinto ezikuJW Library kwezinye iindawo.

Cofa ku-Open in ukuze ubone uludwe lwezinye iindawo ezikhoyo. Ngokomzekelo, ungacofa ku-Open in Online Library ukuze ubone apho ufunda khona kwiWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI.

 Indlela Yokukhangela IiBhayibhile

Xa ucofa isibhalo seBhayibhile kwincwadi ethile, iivesi ziyavela. Cofa kuCustomize osezantsi kweevesi ukuze ukhethe kwiiBhayibhile ozidawunlowudileyo ongathanda ukuziquka kuludwe.

Cofa kwindawo yokongeza okanye yokukhupha iinguqulelo ofuna zibe khona okanye zingabikho. Zinyuse okanye uzehlise ukuze zime kakuhle.

Jonga kwindawo ethi “Dawunlowuda Uze Usebenzise IiBhayibhile—KwiAndroidukuze ufunde ngendlela yokufumana iiBhayibhile ezongelelekileyo kwiJW Library.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo neAndroid 2.3 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi “Sebenzisa IJW LibraryKwiAndroid,” ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.