Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Iindawo Ozifundileyo​—Kwi-iOS

Iindawo Ozifundileyo​—Kwi-iOS

I-JW Library ikhumbula onke amanqaku okanye izahluko zeBhayibhile ozifundileyo. Oku kuyanceda, ngokomzekelo, xa ufuna ukubuyela kwisibhalo ubukhe wasifunda.

Landela le miyalelo ukuze usebenzise Iindawo Ozifundileyo:

 Buyela Kwiindawo Ozifundileyo

Cinezela phezu koBible ukuze ubone uludwe lwezibhalo namanqaku ubukhe wawafunda. Cofa isibhalo esikuludwe lobuzifundile ukuze ubuyele kuso.

Cinezela phezu koPublications ukuze ubone uludwe lwamanqaku obusanda kuwafunda. Cofa inqaku kuludwe lwamanqaku obuwafundile ukuze ubuyele kulo.

 Susa Yonke Into Ubuyifundile

Cinezela phezu koBible okanye koPublications ukuze uvule uludwe lobuzifundile. Cofa u-Clear ukuze ususe yonke into.

Ezi zinto zakhululwa ngoMeyi 2014 neJW Library 1.2, ehambelanayo ne-iOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa I-JW Library​—Kwi-iOS,” ngaphantsi kwendawo ethi, Fumana Izinto Ezintsha.