Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Ukukhangela EBhayibhileni Okanye Kuncwadi—KwiAndroid

Ukukhangela EBhayibhileni Okanye Kuncwadi—KwiAndroid

Uphawu lokukhangela kwiJW Library lukunceda ufumane igama okanye ibinzana eBhayibhileni okanye kuncwadi.

Landela le miyalelo ukuze ukhangele:

 Ukukhangela EBhayibhileni

Unokukhangela igama okanye ibinzana kwiBhayibhile oyifundayo.

Ngoxa ujonge iBhayibhile, cofa olu phawu; uze ubhale igama olifunayo. Njengoko ubhala iza kukugqibezelela. Cofa egameni okanye ucofe uphawu lokukhangela emaqhosheni.

Kwindawo ethi Top Verses kuvela iivesi ohlala uzijonga xa ukhangela. Ku-All Verses ziivesi obuzikhangele ngokokulandelelana kweencwadi zeBhayibhile. Ku-Articles ngamanqaku afanayo akwintshayelelo nakwizihlomelo.

Ukuba ubhale amagama amaninzi, cofa ku-Match Exact Phrase emva koko uza kubona amagama afanayo kuphela.

 Ukukhangela Kuncwadi

Ungakhangela igama okanye ibinzana kwincwadi oyifundayo.

Ngoxa uyifunda, cofa olu phawu; uze ubhale igama olifunayo. Njengoko ubhala iza kukugqibezelela. Cofa egameni okanye ucofe uphawu lokukhangela emaqhosheni.

Ukuba ubhale amagama amaninzi, cofa ku-Match Exact Phrase emva koko uza kubona amagama afanayo kuphela.

 Ukukhangela Umxholo

Ukuba sele uyidawunlowudile i-Insight on the Scriptures, unokukhangela kuyo. Unokukhangela ngoxa ufunda iBhayibhile okanye olunye uncwadi.

Cofa olu phawu, uze ubhale umxholo owufunayo. Njengoko ubhala, amagama afana neli ulibhalayo aza kuvela kwi-Insight on the Scriptures. Cofa umxholo ukuze inqaku livuleke.

Ezi zinto zakhululwa ngo-Oktobha 2014 neJW Library 1.3.4, ehambelanayo neAndroid 2.3 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi Sebenzisa IJW Library—KwiAndroid, ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.