Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LIBRARY

Dawunlowuda Uze Usebenzise IBhayibhile—KwiAndroid

Dawunlowuda Uze Usebenzise IBhayibhile—KwiAndroid

Ukufunda iBhayibhile yeyona nto ibalulekileyo kuJW Library.

Landela le miyalelo ukuze udawunlowude uze usebenzise iBhayibhile:

 Dawunlowuda IBhayibhile

Ungazidawunlowudela iinguqulelo zeBhayibhile ukuze uzifunde.

  • Vula uludwe loncwadi uze ucofe ku-Bible ukuze ubone iincwadi zeBhayibhile.

  • Cofa kolu phawu ukuze ubone iiBhayibhile ezikhoyo. Iinguqulelo ozisebenzisa kakhulu zivela kuqala kuludwe. Unokukhangela ulwimi okanye inguqulelo ngokubhala igama layo. Ngokomzekelo, xa ufuna iKingdom Interlinear yesiNgesi bhala u-“int” okanye u-“port” ukuze ufumane iiBhayibhile zesiPhuthukezi.

  • IiBhayibhile ezingekadawunlowudwa zinophawu lwelifu. Yicofe ukuze uyidawunlowude. Xa ingenile iBhayibhile kwisixhobo sakho, ilifu liyemka. Ukuze ufunde, phinda uyicofe.

Xa ungayiboni inguqulelo yeBhayibhile oyifunayo, yijonge ngelinye ixesha. Iinguqulelo ezingakumbi ziza kufakwa xa zikhona.

 Susa IBhayibhile

Ungayisusa iBhayibhile xa ungasayidingi okanye xa igqiba indawo.

Vula uludwe loncwadi uze ucofe u-Bible, emva koko cofa uphawu lweelwimi ukuze uvule uludwe lweBhayibhile. Cofa olu phawu ecaleni kweBhayibhile ofuna ukuyisusa; uze ucofe u-Delete.

 Hlaziya IBhayibhile

Ngamanye amaxesha, iBhayibhile oyidawunlowudileyo iza kuhlaziywa.

IBhayibhile ehlaziyiweyo iba nolu phawu. Xa ucofa iBhayibhile uza kubona umyalezo othi ihlaziyiwe. Cofa ku-Download ukuze uyifumane okanye ucofe u-Later ukuze ufunde le ubusele unayo.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo neAndroid 2.3 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi Sebenzisa IJW LibraryKwiAndroid, ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.