Yiya kwinkcazelo

Ngubani Oya Esihogweni?

Ngubani Oya Esihogweni?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Isihogo (“iShiyol” “neHadesi” ngeelwimi iBhayibhile eyayibhalwe ngazo ekuqaleni) lingcwaba eliqhelekileyo, kungekhona indawo enomlilo ekuthuthunjiswa kuyo. Ngubani oya esihogweni? Kuya abantu abalungileyo nabangalunganga. (Yobhi 14:13; INdumiso 9:17) IBhayibhile ithi ingcwaba eliqhelekileyo loluntu ‘yindlu yokuhlangana yabo bonke abaphilayo.’​—Yobhi 30:23.

 NoYesu waya esihogweni xa wafayo. Noko ke, “akazange ashiywe esihogweni,” kuba uThixo wamvusa.​—IZenzo 2:31, 32, iThe Bible in Basic English.

Ngaba Kuhlalwa Ngonaphakade Esihogweni?

 Bonke abo baya esihogweni uYesu uza kubavusa esebenzisa amandla kaThixo. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Ithetha ngovuko, isiprofeto esikwiSityhilelo 20:13 sithi, “ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho.” Xa bonke abasesihogweni bekhutshiwe, asisayi kuphinda sibekho; kungekho nabani na oya kuphinda aye kuso kuba ‘ukufa kuza kube kungekho.’​—ISityhilelo 21:3, 4; 20:14.

 singuye wonke umntu ofayo oya esihogweni. IBhayibhile ibonisa ukuba abanye abantu baba ngendawo bade bangaguquki. (Hebhere 10:26, 27) Abantu abanjalo xa besifa abayi esihogweni kodwa baya eGehena, nto leyo engumqondiso wentshabalalo kanaphakade. (Mateyu 5:29, 30) Ngokomzekelo, uYesu wabonisa ukuba iinkokeli zonqulo ezihanahanisayo zexesha lakhe zaziza kuya eGehena.​—Mateyu 23:27-33.