Yiya kwinkcazelo

Ngaba UYesu Wayetshatile? Ngaba UYesu Wayenabantwana Bakowabo?

Ngaba UYesu Wayetshatile? Ngaba UYesu Wayenabantwana Bakowabo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile iyenza icace into yokuba uYesu wayengatshatanga. a Khawuve ezi zibakala zingezantsi.

  1. IBhayibhile isoloko ithetha ngentsapho yakuloYesu nangamabhinqa awayekunye naye xa eshumayela nawayekho xa wayexhonywa, kodwa ayizange ithethe ngomfazi wakhe. (Mateyu 12:46, 47; Marko 3:31, 32; 15:40; Luka 8:2, 3, 19, 20; Yohane 19:25) Esona sizathu sibangela iBhayibhile ingathethi kwaukuthetha ngalo mba kukuba, akazange atshate.

  2. Xa ethetha ngabantu abangatshatiyo kuba befuna ukuba namathuba angakumbi okukhonza uThixo, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Lowo unako ukukuvulela ithuba [ukungatshati] makakuvulele ithuba.” (Mateyu 19:10-12) Wababekela umzekelo omhle abo bakhetha ukungatshati ukuze bazinikele ngakumbi ekukhonzeni uThixo.—Yohane 13:15; 1 Korinte 7:32-38.

  3. Ngaphambi kokuba afe, uYesu wayaleza umama wakhe ukuba agcinwe kakuhle. (Yohane 19:25-27) Ukuba uYesu wayetshatile okanye enabantwana, wayeza kubayaleza nabo.

  4. IBhayibhile isebenzisa uYesu njengomzekelo wabayeni, kodwa ayithethi nakanye ngendlela awamphatha ngayo umfazi. Endaweni yoko, ithi: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) Ukuba uYesu wayetshatile ngoxa wayesemhlabeni, kutheni kungazange kwasetyenziswa umzekelo wakhe njengomyeni ofezekileyo kule vesi?

Ngaba uYesu wayenabantwana bakowabo?

Ewe wayenabo, ubuncinane babebathandathu. Kwakukho umntakwabo uYakobi, uYosefu, uSimon, uYudas noodadewabo ababini. (Mateyu 13:54-56; Marko 6:3) Aba ngabantwana bakaMariya noYosefu, abazali bakaYesu. (Mateyu 1:25) Xa ithetha ngoYesu, iBhayibhile ithi ‘lizibulo’ likaMariya, loo nto ithetha ukuba wazala nabanye abantwana.—Luka 2:7.

Ubuxoki obudla ngokuthethwa ngabantakwabo Yesu

Xa bathethelela inkolelo yokuba uMariya wafa eyintombi enyulu, abanye abantu baye banengcamango eyahlukileyo ngegama elithi, “abantakwabo” Yesu. Ngokomzekelo, abanye bathi abantwana bakaYosefu abangabantakwabo Yesu wabafumana kumfazi wokuqala. Kodwa ke, iBhayibhile ibonisa ukuba nguYesu owayenelungelo lokufumana ubukumkani bukaDavide. (2 Samuweli 7:12, 13; Luka 1:32) Ukuba uYosefu wayenonyana omdala kunoYesu, yayiza kuba nguloo nyana indlalifa.

Ngaba igama elithi abantakwabo libhekisela kubafundi okanye kubazalwana bakaYesu? Le ndlela yokulichaza ayivisisani neBhayibhile, kuba ithi ngaxa lithile “abantakwabo, enyanisweni, babengalubonisi ukholo kuye.” (Yohane 7:5) IBhayibhile iyabohlula abantakwabo Yesu kubafundi bakhe.​—Yohane 2:12.

Ngokutsho kwenye inkolelo, abantakwabo Yesu yayingabazala bakhe. Kodwa ke iZibhalo zesiGrike ziyakwazi ukohlula phakathi, ‘kwabantakwabo’ Yesu, ‘izalamane’ ‘nabazala.’ (Luka 21:16; Kolose 4:10) Izifundiswa ezininzi zeBhayibhile ziyayivuma into yokuba oodade nabantakwabo Yesu yayingabantwana azelwe nabo. Ngokomzekelo, iExpositor’s Bible Commentary ithi: “Eyona ndlela ilula yokuqonda igama elithi, ‘abantakwabo’ . . . kukuba eli gama libhekisela koonyana bakaMariya noYosefu, abaninawa bakaYesu abafumene kwicala likanina.” b

a IBhayibhile ikhe ithethe ngoKristu isithi ngumyeni, kodwa izinto ezibhalwe ngaphambi nasemva kwezi vesi zisinceda sibone ukuba iyafuzisela xa isitsho.—Yohane 3:28, 29; 2 Korinte 11:2.

b Funda iGospel According to St. Mark, Second Edition, kaVincent Taylor, iphepha 249, neMarginal Jew—Rethinking the Historical Jesus, kaJohn P. Meier, Umqulu 1, iphepha 331-332.