Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngenkululeko Yokuzikhethela? Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa NguThixo?

Ithini IBhayibhile Ngenkululeko Yokuzikhethela? Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa NguThixo?

Impendulo yeBhayibhile

UThixo usinike inkululeko yokuzikhethela, amandla okukwazi ukuzenzela izigqibo kunokuba sizenzelwe nguThixo okanye zibe zimiselwe kwangaphambili. Nantsi into efundiswa yiBhayibhile.

  • UThixo wadala abantu ngokomfanekiso wakhe. (Genesis 1:26) Ngokwahlukileyo ezilwanyaneni, ezenza phantse yonke into ngethuku, sifana noMdali wethu oneempawu ezifana nothando nokusesikweni, yaye nathi sinenkululeko yokuzikhethela njengaye.

  • Ngomlinganiselo omkhulu, ikamva lethu lixhomekeke kuthi. IBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sinyule ubomi ngokuphulaphula ilizwi likaThixo,’ oko kukuthi, ngokukhetha ukuphulaphula imiyalelo yakhe. (Duteronomi 30:19, 20) Oku bekungayi kuba nantsingiselo, mhlawumbi ibiya kuba yinkohlakalo, ukuba besingenayo inkululeko yokuzikhethela. Kunokuba asinyanzele ukuba senze into ayithethayo, uThixo uyasicenga esithi: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo.”—Isaya 48:18.

  • Impumelelo okanye ukungaphumeleli kwethu akumiselwanga kusengaphambili. Ukuba sifuna ukuphumelela, simele sizame ngamandla. IBhayibhile ithi: “Konke esikufumanayo ukuba sikwenze isandla sakho kwenze ngamandla akho.” (INtshumayeli 9:10) Ikwathi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.”—IMizekeliso 21:5.

Inkululeko yokuzikhethela sisipho esixabisekileyo esisinikwe nguThixo, sibangela ukuba simthande ‘ngentliziyo yethu iphela.’—Mateyu 22:37.

Ngaba uThixo ulawula yonke into?

IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo nguSomandla yaye amandla akhe akalawulwa mntu. (Yobhi 37:23; Isaya 40:26) Sekunjalo, akawasebenziseli ukulawula yonke into. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi uThixo ‘wayeqhelisela ukuzeyisa’ kwiBhabhiloni yakudala, utshaba lwabantu bakhe. (Isaya 42:14) Nangoku usenjalo, ukhetha ukubanyamezela abo bayisebenzisa kakubi le nkululeko yokuzikhethela ngokwenzakalisa abanye abantu. Kodwa uThixo akayi kunyamezela ngonaphakade.—INdumiso 37:10, 11.