Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokutshiswa Kwemizimba Yabantu Abaswelekileyo?

Ithini IBhayibhile Ngokutshiswa Kwemizimba Yabantu Abaswelekileyo?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile ayiniki mthetho ngento emele yenziwe ngomzimba womntu oswelekileyo, malunga noba mawungcwatywe okanye mawutshiswe.

EBhayibhileni sichazelwa ngabakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaye bangcwaba abantu babo abaswelekileyo. Omnye wabo nguAbraham, xa wayeswelekelwe ngumfazi wakhe uSara, wafuna indawo yokumngcwaba.​—Genesis 23:2-20; 49:29-32.

IBhayibhile iphinda isichazele ngabakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaye batshisa imizimba yabantu babo abaswelekileyo. Xa uKumkani uSawule wakwaSirayeli noonyana bakhe abathathu babulawa emfazweni, amaFilisti azenzela unothanda kwizidumbu zabo. Athi akuyiva le nto amajoni akwaSirayeli, azilanda izidumbu zoonyana bakaSawule nesikaSawule, azitshisa, emva koko angcwaba amathambo abo. (1 Samuweli 31:8-13) EBhayibhileni anconywa kakhulu la madoda ngale nto ayenzayo.​—2 Samuweli 2:4-6.

Ubuxoki Obuthethwayo Ngokutshiswa Kwemizimba Yabantu Abaswelekileyo

Ubuxoki: Kukungasihloneli isidumbu.

Inyani: Emva kwexesha isidumbu singcwatyiwe side sibe luthuli, kanti iBhayibhile nayo iyatsho ukuba umntu xa eswelekile ubuyela eluthulini. (Genesis 3:19) Ukutshiswa komzimba nako kwenza into efanayo, umahluko kukuba kona kuyayikhawulezisa.

Ubuxoki: Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, yimizimba yabantu ababengathandwa nguThixo kuphela eyayitshiswa.

Inyani: Zatshiswa izidumbu zabantu ababengathembekanga, njengesika-Akan nentsapho yakhe. (Yoshuwa 7:25) Kodwa, yayingengomthetho lowo. (Duteronomi 21:22, 23) Njengokuba sesitshilo, izidumbu zabantu ababethembekile, njengonyana kaKumkani uSawule uYonatan, zatshiswa.

Ubuxoki: Xa umntu etshisiwe akazuvuswa.

Inyani: UThixo uza kubavusa abantu abaswelekileyo, nokuba bangcwatyiwe, batshisiwe, batshone elwandle okanye batyiwe zizilwanyana zasendle. (ISityhilelo 20:13) Yinto elula gqitha kuSomandla ukudala umzimba omtsha womntu ngamnye.​—1 Korinte 15:35, 38.