Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Yohane 15:13—“Akakho Umntu Onothando Ukogqitha Umntu . . .”

Yohane 15:13—“Akakho Umntu Onothando Ukogqitha Umntu . . .”

 “Akakho umntu onothando ukogqitha umntu oncama ubomi bakhe, ebuncamela abahlobo bakhe.”—Yohane 15:13, INguqulelo Yehlabathi Elitsha

 “Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.”—Yohane 15:13, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Into ethethwa nguYohane 15:13

 UYesu wayenceda abahlobo baqonde ukuba bamele bathandane kakhulu kangangokuba bakulungele ukuncamelana ubomi.

 Ngaphambilana, uYesu wathi kubapostile bakhe: “Ndiniyalela ukuba nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo.” (Yohane 15:12) Yeyiphi le ndlela wayebathanda ngayo uYesu? Wayengazicingeli yedwa ibe wayezincama. Ngexesha awayeshumayela ngalo apha emhlabeni, wayebeka iimfuno zabanye nezinto abazidingayo kwindawo yokuqala. Wayephilisa abantu ibe wayebafundisa ngoBukumkani bukaThixo. a Wayede enze imisebenzi ejongelwa phantsi ukuze ancede abanye. (Mateyu 9:35; Luka 22:27; Yohane 13:3-5) Kodwa kuYohane 15:13, wayethetha ngokwenza into enkulu kakhulu ukuze abonise uthando. Emva kweeyure ezimbalwa ethethe loo mazwi, walubonisa olu thando ngokuba “anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.” (Mateyu 20:28; 22:39) Ngokwenza loo nto, wabonisa ngendlela emangalisayo ukuba ubathanda kakhulu abantu ngaphezu kokuba ezithanda.

 UYesu uyabathanda abantu. Kodwa ubathanda kakhulu abo bazenzayo izinto azifundisayo. Abafundi bakhe wayebabiza ngokuba ngabahlobo bakhe kuba babesoloko bemthobela ibe babekunye naye xa wayesebunzimeni. (Luka 22:28; Yohane 15:14, 15) Ngoko wayenezizathu ezivakalayo zokubancamela ubomi bakhe.

 AmaKristu exesha labapostile ayezenza izinto ezazifundiswa nguYesu, ibe ayekulungele ukuncamelana ubomi. (1 Yohane 3:16) Ngoko uthando, olufana nolo lwaboniswa nguYesu, ayeza kubonakala ngalo amaKristu okwenene.—Yohane 13:34, 35.

Into Ekuthethwa Ngayo KuYohane 15:13

 Kwincwadi kaYohane isahluko 13 ukuya ku-17, kuthethwa ngamazwi uYesu awawathetha kubapostile bakhe abayi-11, nomthandazo wakhe wokugqibela awawenza nabo. Wafa kwiiyure ezimbalwa emva koko. Kwisahluko 15, uYesu ufanisa abafundi bakhe namasebe eediliya avelisa isiqhamo, ukuze abonise ukuba kufuneka bahlale bemanyene naye. Loo nto iza kubonisa ukuba bangabalandeli bakhe. Ubakhuthaza ukuba bavelise “isiqhamo esininzi.” (Yohane 15:1-5, 8) Enye indlela abanokuvelisa ngayo eso siqhamo kukubonisa uthando ngokushumayela “iindaba ezilungileyo” ezashunyayelwa nguYesu.—Luka 4:43; Yohane 15:10, 17.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kuYohane.

a UBukumkani bukaThixo ngurhulumente osezulwini. UThixo wamisela uBukumkani bakhe ukuze bulawule emhlabeni buze benze izinto azithandayo. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Yintoni UBukumkani BukaThixo?