Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ngoku Ndingabanceda Abanye

Ngoku Ndingabanceda Abanye
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1981

  • ILIZWE: GUATEMALA

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: UKHULE KABUHLUNGU

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa kwidolophu esemagqagaleni ekuthiwa yiAcul kummandla weentaba kwintshona yeGuatemala. Abantu bakuthi babengamaIxil, isizukulwana samaMaya. Ndakhula ndithetha isiSpanish kunye nolwimi lwakuthi. Ndazalwa malunga nokuqala kwemfazwe yamakhaya eyayimbi eGuatemala eyaqhuba iminyaka eyi-36. Kwafa amaIxil amaninzi kuloo mfazwe.

Xa ndandineminyaka emine, umkhuluwa wam owayeneminyaka esixhenxe wabulawa sisiqhushumbisi awayedlala ngaso. Nam ke ndaphanyaka kuloo ngozi. Emva koko, ndakhulela kwikhaya labantwana abaziimfama eGuatemala City, ibe ndakufunda apho ukufunda amagama ngeminwe (iBraille). Ngesizathu endingazange ndisazi, abasebenzi balapho babesala ukuba abanye abantwana bancokole nam, ibe abantwana endandifunda nabo babehambela kude kum. Ndandihlala ndiyinkom ‘edla yodwa, kwakuba ngathi azide zifike iinyanga ezimbini zokugoduka ukuze ndiye kumama wam owayesoloko enenimba. Okubuhlungu kukuba, wasweleka xa ndandineminyaka elishumi. Yandixhela gqitha into yokulahlekelwa ngoyena mntu undithandayo emhlabeni.

Xa ndandineminyaka eyi-11, ndabuyela kwidolophu yakuthi, ndaza ndahlala nomkhuluwa wam kunye nentsapho yakhe. Ewe kona babendenzela izinto endizidingayo, kodwa ndandingakwazi ukuphalaza imbilini yam kuyo. Ngamany’ amaxesha ndichiphiza, ndandiye ndibuze uThixo: “Kwakutheni ukuze abhubhe umama? Kutheni kufuneka ndibe yimfama?” Abantu babendixelela ukuba ezi nzingo zazikukuthanda kukaThixo. Ndagqiba kwelokuba lo Thixo akanantliziyo, futhi uzicingela yedwa. Sinye qha isizathu sokuba ndandingazange ndizibulale, kukuba ndandingenayo indlela.

Ukuba yimfama kwakusenza kube lula ukuba abantu bakhwele bezehlela kum. Ndiseyinkwenkwana, ndaye ndadlwengulwa izihlandlo eziliqela. Andizange ndixelele mntu ngaloo nto kuba ndandicinga ukuba akukho mntu wayenokuyikhathalela. Abantu babengafane bathethe nam, ibe ndandingafane ndincokole namntu. Ndandihlala ndixhelekile emphefumlweni, futhi ndingathembi mntu.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Xa ndandiqalisa ukufikisa, kwafika amaNgqina kaYehova amabini (isibini esitshatileyo) ngexesha lekhefu esikolweni. Ayecelwe ngomnye utitshala owayenovelwano ngemeko yam ukuba eze kundibona. Andixelela ngethemba eliseBhayibhileni lokuba abafi baza kuvuswa, neemfama ziza kubona kwakhona. (Isaya 35:5; Yohane 5:28, 29) Ndandizithanda izinto ayendixelela zona, kodwa kwakunzima ukuncokola nawo kuba ndandingakuqhelanga ukuthetha. Sekunjalo, andinyamezela, eqhubeka esiza kundifundisa iBhayibhile nakuba ndandingesosithethi. Esi sibini sasidla ngokuhamba ngaphezu kweekhilomitha ezilishumi ukuze size kufika kwidolophu yakuthi eyayingaphaya kwentaba.

Umkhuluwa wam wayesithi esi sibini sinxiba kakuhle nakuba singathathi ntweni. Sekunjalo, sasisoloko sindiphathela iintwana ntwana zezipho. Ndayiqonda eyokuba ngamaKristu okwenene kuphela anokuzincama ngolo hlobo.

Ndafunda iBhayibhile ndincedwa ziincwadi ezisekelwe kuyo ezibhalwe ngendlela yokuba ndizifunde ngeminwe. Nangona ndandiziqonda izinto endandizifunda, kwakunzima ukuzamkela ezinye. Ngokomzekelo, kwakunzima ukukholelwa ukuba uThixo undikhathalele ngokwenene, nokuba bangakho abanye abantu abanokundikhathalela nje ngaye. Ndandisiva isizathu sokuba uYehova ayivumele okwexeshana inkxwaleko, kodwa kwakunzima ukumbona enguBawo onothando. *

Ngokuthe ngcembe, izinto endandizifunda eZibhalweni zandinceda ndayitshintsha indlela endizibona ngayo izinto. Ngokomzekelo, ndafunda ukuba uThixo ubakhathalele kakhulu abantu abaxhwalekileyo. Wathi ngabakhonzi bakhe ababephethwe kakubi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam . . . ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) Ndathi ndisakubona indlela anothando nanenkathalo ngayo uYehova, ndazimisela ukuphilela yena. Ndabhaptizwa ndaza ndaba liNgqina likaYehova ngo-1998.

Ndikunye nomzalwana owandamkela kwikhaya lakhe

Emva konyaka ndibhaptiziwe, ndaya kwisikolo seemfama kwisixeko saseEscuintla. Omnye umdala webandla lalapho weva ngendlela endisokola ngayo ukuya kwiintlanganiso xa ndisekhaya. Kaloku elona bandla likufutshane lalingaphaya kwalaa ntaba ayedla ngokuhamba kuyo amaNgqina awayefunda nam iBhayibhile, ibe kwakundinzimela kakhulu ukuhamba apho. Lo mdala wafumana intsapho engamaNgqina eEscuintla eyakuvuyela ukuhlala nam ukuze ndikwazi ukuya kwiintlanganiso. Ndisahlala nayo kunanamhla, ibe indiphethe ngokungathi ndiligazi layo.

Ndingabalisa litshone xa ndinokuthetha ngendlela endithandwa ngayo ebandleni lam. Xa ndicinga ngezo zinto, ndiye ndiqiniseke ukuba njengokuba ndiliNgqina likaYehova, ndiphakathi kwamaKristu okwenene.—Yohane 13:34, 35.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Ngoku andisaziboni njengompha ochutywe walahlwa nongenathemba, ibe ndiyazi ukuba ndiphilela ntoni. Ukusebenza kwam ixesha elizeleyo kumsebenzi wokufundisa abantu ubutyebi benyaniso eseBhayibhileni, owenziwa ngamaNgqina kaYehova, kundinceda ndingabe ndicinga ngokukhubazeka kwam. Ndikwanguye nomdala kwibandla endikulo, ndinikela iintetho zeBhayibhile ezilungiselelwe wonke umntu kumabandla asekuhlaleni. Ndifumana necham lokunikela iintetho zeBhayibhile kwiindibano zengingqi apho kubakho amawaka-waka abantu.

Ndinikela intetho ndisebenzisa iBhayibhile yam endiyifunda ngeminwe

Ngo-2010 ndaphumelela kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli (ngoku esibizwa ngokuba siSikolo Sabavangeli BoBukumkani) esasise-El Salvador. Esi sikolo sandinceda ndakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wam ebandleni. Ukufumana olu qeqesho kwandenza ndaziva ndixatyisiwe ibe ndithandwa nguYehova uThixo okwazi ukwenza nabani na akufanelekele ukwenza umsebenzi wakhe.

UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ngoku ndilikhupha litsole elokuba ndonwabile, nangona ndandingatsho ukuba ingaze yenzeke loo nto, ibe ndiziva ndinako ukubanceda nabanye.

^ isiqe. 13 Ukuze ufumane iinkcukacha ngokuba kutheni uThixo evumele inkxwaleko, nceda ufunde isahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.