Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBULUMKO BANTLANDLOLO OBUSINCEDA NANAMHLANJE

Xolela Ngesisa

Xolela Ngesisa

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Qhubekani . . . nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.”—Kolose 3:13.

Kuthetha ukuthini oku? IBhayibhile ifanisa isono netyala, ukuxolela nokucinywa kwetyala. (Luka 11:4) Enye incwadi ithi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “xolela” eziBhalweni, lithetha “ukucima ityala, uze ungafun’ intlawulo.” Ngoko ke, xa sikhetha ukumxolela umntu osonileyo, asiye silindele mbuyekezo kuye. Ukumxolela akuthethi kuthi sikubetha ngoyaba ukoniwa okanye umonakalo asenze wona. Kunoko, asibi nanzondo nangona sisenokuba nesizathu esivakalayo ‘sokukhalaza.’

Ngaba kuseyimfuneko oku? Ngenxa yokungafezeki, sonke siyona. (Roma 3:23) Yiloo nto kububulumko ukuxolela abanye, kuba ekugqibeleni nathi siza kufuna ukuxolelwa. Okungakumbi, xa sikhetha ukuxolela, nathi siyancedakala. Njani?

Xa sifukama inzondo nomsindo, singamxoleli omnye umntu, siyazenzakalisa. Iimvakalelo ezinjalo zingasenza singonwabi, zize zisenze sihlale sixhelekile emphefumlweni. Zingabeka nempilo yethu esichengeni. Ingxelo ekwi-Journal of the American College of Cardiology ebhalwe nguGqirha Yoichi Chida noprofesa osisazi ngengqondo uAndrew Steptoe ithi: “Uphando lwakutshanje lubonisa ukuba abantu abaneengcwangu bayathandwa sisifo sentliziyo.”

Kodwa makhe sibone indlela okusinceda ngayo ukuxolela. Xa sibaxolela ngesisa abanye, kuhlala kukho uxolo nomanyano phakathi kwethu, kwaye sigcina ubuhlobo nabanye bubuhle. Okubaluleke nangakumbi kukuba, siya kube senza njengoThixo, obaxolela ngesisa aboni abaguqukayo, ibe ulindele ukuba nathi sizeke mzekweni.—Marko 11:25; Efese 4:32; 5:1.