Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Abantwana bangafunda njani ukuthanda uThixo?

Sebenzisa indalo ukuze uncede abantwana bakho bamazi baze bamthande uThixo

Abantwana bakho bangafunda ukumthanda uThixo kuphela ukuba banobungqina bokuba ukho, ibe uyabathanda. Ukuze bamthande uThixo, kufuneka bemazile. (1 Yohane 4:8) Ngokomzekelo, kufuneka bazi ukuba: Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu? Kutheni eyeka ukuba abantu batsale nzima? Yintoni aza kuyenzela abantu kwikamva?—Funda abaseFilipi 1:9.

Ukuze uncede abantwana bakho bathande uThixo, umele ubabonise ukuba wena kuqala uyamthanda. Xa beyibona loo nto, nabo baya kuzeka mzekweni.—Funda iDuteronomi 6:5-7; iMizekeliso 22:6.

Ungayifikelela njani intliziyo yomntwana wakho?

ILizwi likaThixo linamandla. (Hebhere 4:12) Ngoko ke bancede abantwana bakho bazi iimfundiso zalo ezisisiseko. Ukuze uYesu afikelele iintliziyo zabantu, wayebabuza imibuzo, abaphulaphule, aze abacacisele ngeZibhalo. Ukwenza oko, kuya kukunceda nawe ufikelele intliziyo yomntwana wakho.—Funda uLuka 24:15-19, 27, 32.

Ukongezelela, amabali aseBhayibhileni athetha ngendlela uThixo awaqhubana ngayo nabantu, angabanceda abantwana bamazi baze bamthande uThixo. Iincwadi ezinala mabali zifumaneka kwi-www.pr418.com/xh.—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.