Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

Ngaba Uziva Usondele KuThixo?

Ngaba Uziva Usondele KuThixo?

“Ukuba nobuhlobo obusondeleyo noThixo kukwenza uzive ukhuselekile, kungekho nto uyidingayo, yaye uzinzile. Kuba ngathi uThixo ukhathalele izinto onomdla kuzo.”—UCHRISTOPHER, ITYENDYANA LASEGHANA.

“UThixo uyazibona iingxaki okuzo yaye uba nothando nenkathalo eyodlula leyo ubunokuyicela.”—UHANNAH WASE-ALASKA, E-U.S.A ONEMINYAKA EYI-13.

“Ukwazi ukuba unobuhlobo obusondeleyo noThixo yeyona nto ixabisekileyo nekwenza uzole!”—UGINA, IBHINQA LASEJAMAICA ELINEMINYAKA EMALUNGA NEYI-45.

UChristopher, uHannah, noGina ayingabo bodwa abavakalelwa ngale ndlela. Ehlabathini lonke abantu abaninzi baqinisekile ukuba uThixo ubajonga njengabahlobo bakhe. Kuthekani ngawe? Ngaba uziva usondele kuThixo? Okanye ngaba ungathanda ukusondela kuye? Mhlawumbi uyazibuza: ‘Ngaba ingenzeka into yokuba umntu njee abe nobuhlobo noThixo uSomandla? Ukuba kunjalo, ingenzeka njani?’

UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

IBhayibhile ithi unganabo ubuhlobo obusondeleyo noThixo. Ithi uThixo wabiza uAbraham usolusapho ongumHebhere ngokuthi, “umhlobo wam.” (Isaya 41:8) Phawula nesimemo esimnandi esikuYakobi 4:8 esithi: ‘Sondela kuThixo, naye uya kusondela kuwe.’ Ngenxa yoko, kuyacaca ukuba unganabo ubuhlobo obusondeleyo noThixo. Kodwa ke, ekubeni uThixo engabonakali ‘ungasondela’ njani kuye uze ube ngumhlobo wakhe?

Ukuphendula lo mbuzo, makhe sicinge ngento eyenzekayo xa abantu besiba ngabahlobo. Badla ngokuqala baxelelane amagama abo. Kwaye njengoko bencokola rhoqo, bephalazelana imbilini neemvakalelo, ubuhlobo buyakhula. Yaye xa besenzelana izinto, ubuhlobo buyomelela. Kuyafana ke nangokukhulisa ubuhlobo noThixo. Makhe sibone indlela okufana ngayo oku.