Yiya kwinkcazelo

 Iindlela Zokwenza Intsapho Yakho Yonwabe

Xa Umntwana Wakho Okwishumi Elivisayo Eluthandabuza Unqulo Lwakho

Xa Umntwana Wakho Okwishumi Elivisayo Eluthandabuza Unqulo Lwakho

Njengoko lukhula, ulutsha oluninzi luye lwamkele unqulo lwabazali balo. (2 Timoti 3:14) Noko ke, olunye ulutsha alulwamkeli. Yintoni onokuyenza ukuba umntwana wakho uqalisa ukuluthandabuza unqulo lwakho? Eli nqaku liza kugwadla indlela amaNgqina kaYehova ayisingatha ngayo le nyewe.

“Andisafuni ukuhamba icawa yabazali bam. Ndifuna ukwahlukana nayo.”—uCora, oneminyaka eli-18 ubudala. *

UQINISEKILE ukuba unqulo lwakho lufundisa inyaniso ngoThixo. Ukholelwa ukuba iBhayibhile ikhuthaza indlela efanelekileyo yokuphila. Kungokwemvelo, ukuba uzame ukubethelela emntwaneni wakho imilinganiselo yakho yokuziphatha. (Duteronomi 6:6, 7) Kodwa kuthekani, ukuba umntwana wakho uya ephelelwa ngumdla kwizinto zokomoya njengoko ekhula? * Kuthekani ukuba uqalisa ukuthandabuza unqulo awayebonakala eluthanda xa wayesengumntwana?—Galati 5:7.

Ukuba iyenzeka loo nto, musa ukucinga ukuba usilele njengomzali ongumKristu. Kusenokwenzeka ukuba zikho nezinye izinto eziye zanegalelo, njengoko siza kubona. Noko ke, yazi lento: Indlela owusingatha ngayo lo mbandela isenokugqiba enoba umntwana wakho uza kusondela kunqulo lwakho okanye uza kuchasela kude kulo. Ukuba uyalwa nomntwana wakho ngalo mbandela, uzinqikela olunenkume yaye awuzukuphumelela.—Kolose 3:21.

Kungcono ukuba uthobele isibongozo sikampostile uPawulos esithi: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, likufanelekele ukufundisa, linyamezela ububi.” (2 Timoti 2:24) Ungabonisa njani ukuba ‘uyakufanelekela ukufundisa’ ukuba umntwana wakho uyaluthandabuza unqulo lwakho.

Yiba Ngoqondayo

Okokuqala, zama ukuqonda unobangela abanokuba baye banegalelo kwindlela azibona ngayo izinto. Ngokomzekelo:

  • Ngaba uziva elilolo yaye ngaba unabo abahlobo ebandleni? Kuba ndifuna iitshomi, ndaye ndatshomana nabantwana endifunda nabo, loo nto yandenza ndasisidodo ngokomoya kangangeminyaka. Ndaphelelwa ngumdla kwizinto zokomoya  ngenxa yezi tshomi yaye ngoku ndiyazisola.”—uLenore, oneminyaka eli-19 ubudala.

  • Ngaba akazithembanga, nto leyo eyenza kube nzima kuye ukuthetha ngonqulo lwakhe? “Ngoxa ndandisahamba isikolo, ndandimadolw’ anzima ukuthetha nabanye ngezinto endizikholelwayo. Ndandisoyikisela ukuba baza kundijonga ‘njengongcwelengcwele.’ Abantwana ababebonakala bohlukile kwabanye babekwaywa yaye ndandingafuni ukuba loo nto yenzeke kum.”—uRamón, oneminyaka engama-23 ubudala.

  • Ngaba uziva enoloyiko ngenxa yembopheleleko yokuphila ngemilinganiselo yamaKristu? “Ndandivakalelwa kukuba isithembiso seBhayibhile sokufumana ubomi obungunaphakade sisezinkwenkwezini, yaye andenzi mgudu kuba sibonakala sikude gqitha. Uloyiko lokuthatha unyawo ndibheke phambili lwalungaphaya kwamandla am yaye ndandicinga ngokunikezela.”—uRenee, oneminyaka eli-16 ubudala.

Menze Athethe

Yiyiphi kanye ingxaki anayo umntwana wakho? Ukuze uyazi kufuneka umbuze! Kodwa ulumkele, ukuba ingxubusho ingabi kukuxambulisana. Kunoko landela isibongozo sikaYakobi 1:19 esithi: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.” Yiba nomonde xa uthetha naye. ‘Uzeke kade umsindo usebenzise ubugcisa bokufundisa,’ njengoko ubuya kwenza komnye umntu ongelilo ilungu lentsapho yakho.—2 Timoti 4:2.

Ngokomzekelo, ukuba umntwana wakho akafuni ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, zama ukwazi into emenza angafuni ukuya. Kodwa kwenze ngomonde oko. Kuncinane okunokuphunyezwa ngumzali ukuba angenza ngale ndlela ichazwe ngezantsi.

Unyana: Mna andisakufuni ukuya ezintlanganisweni.

Utata: [ngelizwi elirhabaxa] Uthetha ukuthini xa usithi awufun’ ukuya ezintlanganisweni?

Unyana: Ziyandikruqula!

Utata: Ngaba leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngoThixo? Ngaba uyakruqula uThixo? Yambi ke loo nto! Lo gama nje usahlal’ ekhapha, uza kuya—enoba uyathanda okanye akuthandi!

UThixo ufuna abazali bafundise abantwana babo ngaye nabantwana ufuna bathobele abazali babo. (Efese 6:1) Noko ke, ufuna umntwana wakho enze okungakumbi kunokusuka nje akuthobele kuba ungumzali ofuna kuyiwe kwiintlanganiso. Ukuba kunokwenzeka, ubungathanda ukuba ingqondo nentliziyo yakhe nazo zibe lapho.

Ungamzuza ukuba unokuqonda izizathu ezisenokuba zibangela abe nesi simo sengqondo. Unoku engqondweni, khawubone indlela obunokuyisingatha ngayo le ncoko ingasentla ngendlela ephumelelayo.

Unyana: Mna andisakufuni ukuya ezintlanganisweni.

Utata: [ngelizwi elizolileyo] Kutheni uvakalelwa ngalo ndlela?

Unyana: Ziyandikruqula!

Utata: Ukuhlala iyure enye okanye ezimbini kunokukruqula. Yintoni eyona nto ikruqulayo ngazo?

Unyana: Andazi. Ndicinga ukuba kubhetele ndibe kwenye indawo.

Utata: Ngaba leyo yindlela abavakalelwa ngayo abahlobo bakho?

 Unyana: Yileyo kanye ingxaki yam! Andinabo abahlobo—mandithi andisenabo. Oko wemkayo umhlobo wam osenyongweni, andinamntu ndincokola naye. Bonke abanye abantu bonwabile. Mna ndiziva ndililolo!

Ngokumvumela azityand’ igila, utata okulo mzekelo ungasentla akafumanisanga nje isizathu esingunobangela—kule imeko, ubulolo—kodwa umenza amthembe, ngaloo ndlela utshayelela iincoko eziya kulandela.—Funda ibhokisi ehamba neli nqaku enomxholo othi  “Yiba nomonde!”

Ekuhambeni kwexesha, ulutsha oluninzi luye lwafunda ukuba ukuba luyayoyisa imiqobo ethintela inkqubela yalo ngokomoya, ludla ngokuzithemba luze luthembe nonqulo lwalo. Cinga ngoRamón, ityendyana lo mfana ebelicatshulwe ekuqaleni elalingakufuni ukwaziwa ukuba lingumKristu esikolweni. Ekugqibeleni, uRamón wafumanisa ukuba emva kokuthetha ngonqulo lwakhe esikolweni akazange agculelwe ngale ndlela wayecinga ngayo. Ubalisa athi:

“Ngesinye isihlandlo enye inkwenkwe endandifunda nayo yandinxwala ngenxa yonqulo lwam. Ndandingazi nokuba mandithini, kuba bonke abafundi babephulaphule. Kodwa ndagqiba ekubeni ndiyifake ekoneni ngokuyibuza ngonqulo lwayo. Okothusayo kukuba, yayisoyika ngaphezu kwam. Ndafumanisa nokuba ulutsha oluninzi lunazo iinkolelo zonqulo kodwa aluziqondi. Noko mna ndiyakwazi ukuzichaza izinto endizikholelwayo. Inyaniso kukuba, xa kufikwa ekuthetheni ngonqulo, ngabantwana endifunda nabo abafanele babe neentloni—hayi mna!”

KHAWUZAME ELI CEBISO: Mbuze umntwana wakho ukuba uziva njani ngokuba ngumKristu. Ngokwembono yakhe, zintoni eziyingenelo kuye? Yiyiphi imiqobo ajamelana nayo? Ngaba iingenelo zingaphezulu kwemiqobo? Ukuba kunjalo, makachaze? (Marko 10:29, 30) Usenokude azibhale phantsi kwelinye icala adwelise iingenelo kwelinye adwelise imiqobo. Xa ubona oko akubhalileyo usenokukwazi ukuyibona ingxaki yakhe uze ngaloo ndlela ukwazi ukuza nesicombululo.

“Amandla Okuqiqa” Omntwana

Abazali neengcali baye bafumanisa ukuba kukho umahluko omkhulu kwindlela abacinga ngayo abantwana abancinane nabo bakwishumi elivisayo. (1 Korinte 13:11) Ngoxa abantwana abancinane bezibona ngobunjalo bazo izinto, bona abakwishumi elivisayo batyekele ekuziqiqeni. Ngokomzekelo, umntwana omncinane unokufundiswa ukuba uThixo udale zonke izinto. (Genesis 1:1) Noko ke, umntwana okwishumi elivisayo, usenokufuna iimpendulo zemibuzo onjengothi: ‘Ndazi njani ukuba  ukho uThixo? Kutheni uThixo onothando evumela ububi? Kunokuba yinyaniso kangakanani ukuba uThixo ebesoloko ekho?’—INdumiso 90:2.

Usenokuvakalelwa kukuba xa umntwana wakho ekubuza loo mibuzo uqhwayel’ emva. Inyaniso, kukuba isenokubonisa ukuba utyhalela phambili. Ngapha koko, imibuzo isenokuba yinxalenye ebalulekileyo yokukhula komKristu ngokomoya.—IZenzo 17:2, 3.

Ukongezelela koko, umntwana ufunda ukusebenzisa ‘amandla akhe engqiqo.’ (Roma 12:1, 2) Ngenxa yoko, uyakwazi ukuqonda “ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu” bokholo lobuKristu ngendlela awayengenakuyiqonda xa wayesengumntwana. (Efese 3:18) Kunanini na ngaphambili, ngoku lixesha lokuba uncede umntwana wakho ukuba aqiqe ngeenkolelo zakhe ukuze endele kuzo.—IMizekeliso 14:15; IZenzo 17:11.

KHAWUZAME ELI CEBISO: Thethani ngezinto enanikhe nathetha ngazo nomntwana wakho ngaphambili, ekusenokwenzeka ukuba nazithatha njengezingenamsebenzi. Ngokomzekelo, menze acinge ngemibuzo enjengethi: ‘Yintoni endeyiselayo ndigqibe kwelokuba uThixo ukho? Bubuphi ubungqina obundibonisayo ukuba uThixo undikhathalele? Kutheni ndivakalelwa kukuba ndimele ngalo lonke ixesha ndithobele imithetho kaThixo?’ Ulumkele unganyanzelisi iimbono zakho. Kunoko mncede eyiseke. Ngaloo ndlela kuya kuba lula ngomntwana wakho ukuzakhela ukholo oluqinileyo.

“Weyiselwa Ekuzikholelweni”

IBhayibhile ithetha ngomfana onguTimoti ‘owayazi kwasebusaneni’ imibhalo engcwele. Sekunjalo umpostile uPawulos wabongoza uTimoti esithi: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni.” (2 Timoti 3:14, 15) NjengoTimoti, umntwana wakho usenokuba wamfundisa imilinganiselo yeBhayibhile kwasekuzalweni kwakhe. Ngoku kufuneka umeyisele ukuze azikholelwe ezi zinto.

Incwadi ethi: Imibuzo Yabantu AbaselulaImpendulo Eziluncedo umqulu 1, ithi: “Lo gama umntwana wakho esahlala nawe, unelungelo lokumxelela ukuba alandele ucwangciso lokomoya olulandelwa ekhaya. Noko ke, eyona nto uyifunayo kukuba umntwana wakho amthande ngokusuk’ entliziyweni uThixo—angenzi nje kuba kusenziwa ekhaya.” Ukuba unolo sukelo, unokumnceda umntwana wakho ‘aqine elukholweni’ ukuze ibe yindlela yakhe yobomi—kungekhona eyakho. *1 Petros 5:9.

^ isiqe. 4 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 5 Kweli nqaku siza kuthetha ngomntwana oyinkwenkwe. Noko ke, imigaqo elapha isebenza kubantwana abangamakhwenkwe nakwaba ngamantombazana.

^ isiqe. 40 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda IMboniselo kaMeyi 1, 2009, iphepha 10-12, nencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo Umqulu 1, iphepha 315-318.

ZIBUZE . . .

  • Ndiye ndisabele njani xa umntwana wam endibuza ngonqulo lwam?

  • Ndingayisebenzisa njani le nkcazelo ukuze ndiphucule indlela endiqhubana ngayo naye?