Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

Mfundise Ukuthobeka

Mfundise Ukuthobeka

KUTHETHA UKUTHINI UKUTHOBEKA?

Abantu abathobekileyo bayahlonipha. Abaziphakamisi okanye balindele ukuphathwa ngendlela ekhethekileyo. Babathanda nyhani abantu kwaye bayafunda kubo.

Abanye abantu bathi umntu othobekileyo unyabile. Xa sithetha inyani, ukuthobeka ayikokunyaba, kodwa kwenza umntu azazi ukuba unazo iimpazamo nokuba unezinto angakwaziyo ukuzenza.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUTHOBEKA?

  • Kwenza umntu abe nabahlobo. Enye incwadi ithi: “Kulula kubantu abathobekileyo ukwenza abahlobo. Abacingi kathathu ngaphambi kokuba baye kuncokola nabantu.”

  • Kuza kumnceda umntwana naxa emdala. Ukuba umfundisa ukuthobeka ngoku esemncinci, uza kuwufumana lula umsebenzi xa emdala. UGqr. Leonard Sax uthi: “Kunzima ukuba aqeshwe umntwana ocinga ukuba ubhetele kwaye wazi yonke into. Kodwa onomdla wokwazi izinto ezifunwa ngumntu oza kumqesha, usenokuwufumana lula umsebenzi.” *

UNGAMFUNDISA NJANI UMNTWANA UKUTHOBEKA?

Mncede angacingi ukuba ubalulekile kunabanye.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ukuba ubani ucinga ukuba unguthile xa engeyonto, ukhohlisa ingqondo yakhe.”​—Galati 6:3.

  • Sukumqhatha. Amazwi afana nathi, “Iza kwenzeka yonke le nto uyifunayo mntanam” okanye “Uza kuba yiyo nantoni na ofuna ukuba yiyo” asenokuvakala emnandi, kodwa adla ngokuba yintsomi. Into enokwenza abantwana bakho baphumelele ebomini kukufuna ukwenza izinto abanokukwazi ukuzenza baze basebenze nzima ukuze bazifumane.

  • Mncome xa enze into entle. Ukusuka nje umncome umntwana engenzanga nto kumenza angathobeki. Mncome kuphela xa kukho into entle ayenzileyo.

  • Sukumvumela achithe ixesha elininzi kwiiwebhsayithi zokuncokola. Kwezi webhsayithi abantu badla ngokuzincoma, beqhayisa ngezinto abakwaziyo ukuzenza nabazenzileyo. Kanti yena umntu othobekileyo, akazenzi zonke ezo zinto.

  • Mfundise ukuba akhawuleze acele uxolo. Mncede azazi xa emoshile aze ayivume loo nto.

Mfundise ukubulela.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Hlalani ninombulelo.”​—Kolose 3:15.

  • Mfundise ukuba ayixabise indalo. Abantwana bafanele bayixabise indalo, bazi ukuba ubomi bethu buxhomekeke kuyo. Ngokomzekelo, ngenxa yendalo siyaphefumla, siyasela kwaye siyatya. Ezi zezinye zezinto ezinokukunceda ufundise umntwana ukuba azixabise izinto ezidaliweyo.

  • Makabathande abantu. Mxelele ukuba wonke umntu ubalulekile nokuba angabobamonela abantu ngenxa yezinto abakwaziyo ukuzenza, kodwa makazimisele ukufunda kubo.

  • Makakwazi ukuthi enkosi. Mxelele ukuba ayixabise into ayenzelwe ngomnye umntu aze ambulele. Ukuba umfundisa ukuthi enkosi, uya kuhlala ethobekile.

Mfundise indlela ekubaluleke ngayo ukunceda abanye abantu.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani, ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”​—Filipi 2:3, 4.

  • Mfundise ukusebenza ekhaya. Ukuba awumfundisi, unokucinga ukuba yena wenza izinto ezibhetele kakhulu kunemisebenzi yasendlini. Ngaphambi kokuba aye kudlala umele aqale ngemisebenzi yasekhaya. Mxelele indlela abanceda ngayo abanye xa esebenza, nokuba baza kumthanda baze bamhloniphe ngemisebenzi ayenzayo.

  • Mbonise indlela ekulunge ngayo ukwenzela abanye izinto. Xa esenzela abantu izinto uza kukhawuleza abhadle. Mkhuthaze ukuba abajonge abantu abafuna ukuncedwa aze abancede. Ncokola naye ngendlela anokubanceda ngayo. Mncome uze umncedise xa enceda abantu.

^ isiqe. 8 Kutsho incwadi ethi The Collapse of Parenting.