Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Mfundise Ukuba Abe Ngumntu Onokuthenjwa

Mfundise Ukuba Abe Ngumntu Onokuthenjwa

NGUMNTU ONJANI ONOKUTHENJWA?

Abantu abanokuthenjwa bayenza kakuhle imisebenzi abayinikiweyo baze bayigqibe ngexesha.

Ngoxa usana lungekabi nanto ingako luyaziyo, lunokukwazi ukufunda ukuthembeka. Enye incwadi ithi: “Xa abantwana benonyaka oneenyanga ezintathu benza izinto abazixelelwa ngabazali, baze xa benonyaka oneenyanga ezintandathu balinganise izinto ezenziwa ngabazali. Kwezinye iindawo abazali baqalisa ukufundisa abantwana ukuncedisa ekhaya xa bephakathi kweminyaka emihlanu nesixhenxe, ibe aba bantwana baye bakwazi ukuyenza kakuhle imisebenzi yasendlini.”

KUTHENI KUBALULEKILE UKUTHENJWA?

Kwezinye iindawo ulutsha lushiya abazali luye kuzihlalela, kodwa xa kunzima lubuyela ekhaya. Ngamany’ amaxesha le nto ibangelwa kukuba alukhange luyifundiswe indlela yokuphatha imali, ukwenza izinto zasekhaya nokuyikhathalela into oluyenzayo.

Ngoko kubalulekile ukufundisa abantwana bakho ukuba bayikhathalele into abayenzayo ukuze bayazi into amabayenze xa bebadala. Enye incwadi ithi: “Sukubenza abantwana bakho baxhomekeke kuwe kuyo yonke into, baze xa beneminyaka eyi-18 ubayeke baye kuziphilela.”

UNGAMFUNDISA NJANI UKUBA ABE NGUMNTU ONOKUTHENJWA?

Mnike imisebenzi amakayenze endlini.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kulo lonke uhlobo lokubulaleka kubakho ingenelo.”​—IMizekeliso 14:23.

Abantwana bayakuthanda ukusebenza nabazali. Banikeni imisebenzi abanokuyenza nani endlini.

Abanye abazali abayenzi loo nto. Bathi abantwana babo banomsebenzi omninzi wesikolo, ngoko bayabaxakekisa xa bebanika nowasendlini.

Abantwana abasebenzayo ekhaya benza kakuhle esikolweni kuba bafunda ukuyenza bayigqibe imisebenzi abayinikiweyo. Enye incwadi ithi: “Ukuba asibavumeli abantwana bethu basincede okanye basincedise ngoxa besebancinci, baza kucinga ukuba akubalulekanga ukunceda abanye abantu. . . . Baye bafune ukwenzelwa yonke into.”

Le ncwadi ithi xa abantwana besoloko besebenza ekhaya, bafunda ukunceda kunokuthanda ukuncedwa. Xa abantwana besebenza ekhaya, baye bazibone ukuba babalulekile entsatsheni. Bayaqonda ukuba bafanele bayenze imisebenzi yasekhaya.

Nceda abantwana baqonde ukuba kufuneka bangazibaleki iimpazamo zabo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Phulaphula icebiso uze wamkele ingqeqesho, ukuze ube nobulumko kamva.”​—IMizekeliso 19:20.

Xa abantwana bakho bemoshile, sukubathethelela. Ngokomzekelo, xa unyana okanye intombi yakho imoshe into yomntu, sukuyithethelela. Abantwana bamele bacele uxolo xa bemoshile, mhlawumbi ukuba bayakwazi, bayilungise loo nto bayimoshileyo.

Xa abantwana bezazi xa bemoshile, baza kufunda

  • ukunyaniseka

  • ukungatyholi abanye

  • ukungazithetheleli

  • ukucela uxolo