Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubulumko Obunceda Intsapho Yonwabe

Ubulumko Obunceda Intsapho Yonwabe

Umtshato nabantwana zizipho ezivela kuMdali wethu. Ufuna iintsapho zonwabe. Ngenxa yaloo nto, uye wasixelela izinto ezinokunceda iintsapho zethu zonwabe ngakumbi esebenzisa incwadi eyabhalwa kudala. Cinga ngala mazwi obulumko:

Bayeni, Bathandeni Abafazi Benu

“Abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo. Umyeni omthandayo umfazi wakhe uyazithanda, kuba akukho mntu owakha wawucaphukela umzimba wakhe; kodwa uyawondla aze awuthande.”​—EFESE 5:28, 29.

Umyeni yintloko yentsapho. (Efese 5:23) Umyeni owenza izinto kakuhle akakho ngqwabalala okanye afune izinto zenziwe ngendlela yakhe. Uyamxabisa umfazi wakhe, aqiniseke ukuba unazo izinto azidingayo ukuze aqhubeke ephila aze amenze azive ethandwa. Uzama ngandlela zonke ukuba onwabe ibe akacingeli yena yedwa. (Filipi 2:4) Uthetha naye ngokukhululekileyo ngendlela avakalelwa ngayo nezinto azicingayo aze ammamele xa ethetha. ‘Akabi namsindo’ kumfazi wakhe ibe akambethi okanye athethe izinto eziza kumenza azive kabuhlungu.​—Kolose 3:19.

Bafazi, Bahlonipheni Abayeni Benu

“Umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.”​—EFESE 5:33.

Xa umfazi emhlonipha umyeni wakhe aze axhase nezigqibo azenzayo, ubangela kubekho uxolo entsatsheni. Ukuba umyeni wakhe wenza impazamo akamgxeki, kodwa uba nomoya ozolileyo nembeko. (1 Petros 3:4) Xa efuna ukuthetha ngengxaki nomyeni wakhe uye akhethe ixesha elifanelekileyo aze athethe naye ngembeko.​—INtshumayeli 3:7.

Nyaniseka Kumntu Otshate Naye

“Indoda iza. . . kuthi nca emfazini wayo, baze babe nyama-nye.”​—GENESIS 2:24.

Xa indoda nomfazi betshata baye basondelelane kakhulu. Ngoko abantu abatshatileyo kufuneka basebenze nzima ukuze bahlale besondelelene ngokuthi bancokolisane baze benzelane izinto ezintle. Kufuneka banyaniseke nakubantu abatshate nabo ngokuthi bangalali nabantu abangatshatanga nabo. Umntu onganyanisekanga kumntu atshate naye umvisa kabuhlungu kakhulu omnye. Ukunganyaniseki kunokwenza abantu abatshatileyo bangathembani yaye kunokuyahlula intsapho.​—Hebhere 13:4.

Bazali, Baqeqesheni Abantwana Benu

“Yiqeqeshe inkwenkwe ngendlela emele ihambe ngayo; naxa sele indala soze isuke kuyo.”​—IMIZEKELISO 22:6, umbhalo osemazantsi.

UThixo unike abazali umsebenzi wokuqeqesha abantwana babo. Ngenxa yaloo nto, kufuneka babafundise indlela yokuziphatha baze nabo babamisele umzekelo omhle. (Duteronomi 6:6, 7) Xa umntwana engamameli, umzali olumkileyo akaye abe nomsindo ogqithe emgceni. Kufuneka “akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe nokucaphuka.” (Yakobi 1:19) Ukuba umzali kufuneka elungise umntwana wakhe, kufuneka ayenze ngothando loo nto hayi kuba ecaphuka.

Bantwana, Bathobeleni Abazali Benu

“Bantwana, bathobeleni abazali benu . . . ‘Hlonipha utata wakho nomama wakho.’”​—EFESE 6:1, 2.

Abantwana kufuneka babathobele abazali baze babahloniphe kakhulu. Xa abantwana bebathobela abazali babo kuye kubekho uxolo kuze konwatywe entsatsheni. Abantwana abadala kufuneka baqiniseke ukuba abazali babo bakhathalelwe. Bangabakhathalela ngokuqiniseka ukuba indlu yabo ihoyiwe nangokubanceda xa bedinga imali.​—1 Timoti 5:3, 4.