Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa Ugula Kakhulu

Xa Ugula Kakhulu

“Xa ndeva ukuba ndinomhlaza wemiphunga namathumbu, ndandicinga ukuba ndiza kusweleka. Kodwa ukufika kwam endlini ndisuka kwagqirha, ndazixelela ukuba, ‘bendingayilindelanga ke le, kodwa kuza kufuneka ndifumane indlela yokuyinyamezela.’”​—ULinda oneminyaka eyi-71.

“Elinye icala lobuso bam libuhlungu kakhulu ngenxa yesifo endinaso. Ngamanye amaxesha, kuye kube buhlungu nyhani ibe ndiye ndikhathazeke kakhulu de ndicinge nokuzibulala.”​—UElise oneminyaka eyi-49.

UKUBA umntu omthandayo okanye wena uye waxelelwa ngugqirha ukuba unesigulo esinokukubulala, umele ukuba uyayazi indlela ebuhlungu ngayo loo nto. Awuhoyi isigulo sodwa kodwa kufuneka uhoye nendlela oziva ngayo ekusenokwenzeka yenziwa yimeko okuyo. Ukuya qho kugqirha, ukungayifumani lula into eza kukunyanga, ukubaduru kwamayeza okanye indlela iipilisi ezikwenza uzive ngayo, zonke ezi zinto zisenokukwenza woyike kakhulu uze uhlale unexhala. Olu loyiko nexhala zisenokunganyamezeleki.

Ungalufumana phi uncedo? Eyona nto eye yanceda abanye abantu kukuthandaza kuThixo nokufunda iindawo ezithuthuzelayo eziseBhayibhileni. Enye into enokukunceda luthando olusuka kwintsapho nakubahlobo.

BANCEDWE YINTONI ABANYE?

URobert oneminyaka eyi-58 uthi: “Mthembe uThixo ibe uza kukunceda ukwazi ukunyamezela isigulo sakho. Thandaza. Mchazele intlungu yakho. Mcele akuphe umoya oyingcwele. Mcele akuphe amandla womelele, loo nto iza kuyithuthuzela intsapho yakho uze ukwazi nokunyamezela isigulo sakho.”

URobert uphinda athi, “Yinto enkulu ukukhuthazwa ngabantu bakoweni. Suku ngalunye ndiye ndifowunelwe ngumntu omnye okanye ababini abaye bandibuze ukuba ndinjani. Ndiye ndikhuthazwe nangabahlobo bam abahlala kwiindawo ezahlukeneyo. Bandinceda ndizive bhetele ibe loo nto indenza ndinganikezeli.”

Ukuba uyokubona umhlobo wakho ogulayo, cinga ngale nto ithethwa nguLinda. Uthi: “Umntu ogulayo ufuna ukuphila njengabanye abantu ibe usenokungafuni ukuthetha ngesigulo sakhe. Ngoko ncokola naye ngezinto eniqhele ukuncokola ngazo.”

Amandla esiwanikwa nguThixo, ukuthuthuzelwa ziZibhalo, nothando esilufumana kwintsapho nakubahlobo zinokusinceda siqiniseke ukuba sinako ukunyamezela naxa sigula kakhulu.