Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa Umntu Otshate Naye Engathembekanga

Xa Umntu Otshate Naye Engathembekanga

“Kwakungathi mandife xa umyeni wam wandishiya ngenxa yebhinqa elincinci kunam. Yayingathi kuyaxokwa, ingakumbi xa ndandicinga izinto endamncamela zona.”​—UMaria, waseSpeyini.

“Xa umfazi wam wasuke wandishiya, kwabangathi ubomi bam bumile. Sasingazukwazi ukwenza zonke izinto esasizimisele ukuzenza. Ngamanye amaxesha ndandiziva ndibhetele, ndingayazi ukuba kutheni, ndizibone sendikhathazekile kwakhona.”​—UBill, waseSpeyini.

UKUTSHATA nomntu aze angathembeki kubuhlungu. Abanye abantu baye babaxolela abantu abatshate nabo xa beye bazisola baze balungise umtshato wabo. * Kodwa, nokuba bayabaxolela okanye ababaxoleli, intlungu yokuba abantu abatshate nabo baye bathandana nabanye abantu soze iphele. Yintoni enokubanceda bakwazi ukunyamezela?

IIVESI ZEBHAYIBHILE EZINOKUKUNCEDA

Nakuba abanye baye baphoxeka, baye bancedwa yiBhayibhile babona ukuba uThixo uyayibona intlungu yabo ibe ubakhathalele.​—Malaki 2:13-16.

“Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”​INdumiso 94:19.

UBill uthi: “Xa ndandifunda le vesi, kwaba ngathi ndiyambona uYehova endithuthuzela, njengoko utata onothando enokwenza.”

“Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”​INdumiso 18:25.

UCarmen onomyeni obethandana nomnye umntu ixesha elide uthi: “Umyeni wam ebengathembekanga. Kodwa ndamthemba uYehova ukuba soze andiphoxe.”

“Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo . . . yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu.”​Filipi 4:6, 7.

USasha uthi: “Ndandiyifunda oko le vesi. Njengoko ndandimane ndithandaza, uThixo wandinika uxolo ebomini bam.”

Bonke aba kuthethwe ngabo ngasentla babekhe bafuna ukunikezela. Kodwa bathembela ngoYehova uThixo baza bancedwa liLizwi lakhe. UBill uthi: “Ukholo lwam lwandinceda ndanesizathu sokuphila nangona kwakukubi. Naxa ndahamba ‘kwintlambo yethunzi elimnyama’ okwexeshana, uThixo wayenam.”​—INdumiso 23:4.

^ isiqe. 4 Ukuze ufunde ngokuba umele umxolele okanye ungamxoleli umntu otshate naye, funda uVukani! wangoMeyi 8, 1999 othi “Xa Elinye Iqabane Lingathembekanga.”