Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | UGUILLERMO PEREZ

Ugqirha Wotyando Uchaza Ngokholo Lwakhe

Ugqirha Wotyando Uchaza Ngokholo Lwakhe

UGqr. Guillermo Perez obengumtyandi kwisibhedlele saseMzantsi Afrika esinokulalisa izigulana eziyi-700, usandul’ ukuthatha umhlala-phantsi. Kangangeminyaka emininzi ebekholelwa ukuba izinto eziphilayo zazivelela. Kodwa kamva waye wakholelwa ukuba umntu wadalwa nguThixo. UVukani! uye wambuza ngokholo lwakhe.

Khawutsho, kwakutheni uze ukholelwe ukuba izinto eziphilayo zazivelela?

Nangona ndikhule ndingumKatolika, ndandibuthandabuza ubukho bukaThixo. Ngokomzekelo, ndandingakholelwa ukuba kukho uThixo otshisa abantu esihogweni. Ngoko xa uprofesa wam waseyunivesithi wandifundisa ukuba izinto eziphilayo zazivelela ibe azizange zidalwe nguThixo, ndaye ndakukholelwa oko, ngelicinga ukuba bukho ubungqina boko. Phofu ke, necawa yam yayingayikhabi into yokuba izinto eziphilayo zazivelela, qha yayisithi oku kwakulawulwa nguThixo.

Yintoni ekwenze wanomdla eBhayibhileni?

Umfazi wam uSusana, waye wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye ambonisa eBhayibhileni ukuba uThixo akathuthumbisi bantu esihogweni somlilo. * Amchazela nokuba uThixo uthembisa ukuwenza iparadesi lo mhlaba. * Sasiqal’ ukudibana nemfundiso eyiyo! Ngo-1989 ndatyelelwa nguNick oliNgqina. Xa sasithetha ngokubunjwa komzimba womntu, ndayithanda indlela iBhayibhile ekuchaza ngayo oko ngokulula kumaHebhere 3:4: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.”

Ngaba ukufunda kwakho ngomzimba womntu kukuncedile wakholelwa ukuba izinto zadalwa?

Ewe. Ngokomzekelo, indlela umzimba ozinyanga ngayo ubonisa ukuba wadalwa. Umzekelo woko yindlela inxeba elizipholela ngayo ngamanqanaba amane, okundenze ndaqonda ukuba akukho nto ingako ugqirha ayenzayo.

Khawusixelele, kwenzeka ntoni emzimbeni xa unenxeba?

Ngoko nangoko, kwinqanaba lokuqala, umzimba uye unqande ukopha. Indlela okwenzeka  ngayo oku intsonkothile. Ngaphezu koko, imithambo ehambisa igazi enobude beekhilomitha eziyi-100 000, imele ukuba ibenz’ umona abantu abasebenza ngemibhobho yamanzi, kuba yona iyakwazi ukuzingciba ukuze inqande ukopha.

Kwenzeka ntoni ke kwinqanaba lesibini?

Ukopha kuyayeka kwisithuba seeyure ezimbalwa kuze kuqalise ukudumba. Ziliqela izinto ezenzekayo xa udumbile. Okokuqala, imithambo yegazi eye yacutheka ukuze ungophi, ngoku yenza okwahlukileyo. Iyavuleka ukuze igazi lihambe ngokulula ukuya kule ndawo inenxeba. Emva koko, iiprotein ezisegazini zibangela inxeba lidumbe. Ezi protein ziyanceda ekulweni iintsholongwane ezinokuba yingozi enxebeni, yaye zinceda nasekususeni iiseli ezonzakeleyo. Konke oku kwenzeka ngoncedo lwezigidi zeemolekyuli neeseli eziveliswa ngumzimba, ibe zikhokelela kwinqanaba elilandelayo.

Inxeba liqhubeka njani lizinyanga?

Kwiintsuku nje ezimbalwa, umzimba uvelisa izinto zokunyanga inxeba, ibe linqanaba lesithathu elo elithatha iiveki ezimbini. Iiseli ziya enxebeni zize ziphindaphindeke. Kwakhona kukhula imithambo emincinane ehambisa igazi enxebeni, eye isuse ubumdaka ize ise izakha mzimba kulo. Emva koko, umzimba uvelisa iiseli ezikhethekileyo zokulingciba ngokupheleleyo inxeba.

Kuninzi okwenzekayo enxebeni! Khawutsho ke, kuthatha ixesh’ elingakanani ukuze liphile?

Inqanaba lokugqibela, linokuthatha iinyanga. Amathambo ophukileyo ayangcibeka aphinde omelele kwakhona, yaye iiseli ezonzakeleyo zithatyathelw’ indawo zezintsha ezomeleleyo. Lilonke, ukuphila kwenxeba kubonisa indlela emangalisayo osebenza ngayo umzimba.

Yintoni emangalisayo oyikhumbulayo ngoxa wawungugqirha?

Xa ndibona indlela umzimba ozinyanga ngayo, ndishiyeka ndibamb’ ongezantsi

Ndikhumbula xa ndandinyanga intwazana eneminyaka eyi-16 eyayikwingozi embi yemoto. Le ntwazana yayonzakele kakhulu yaye udakada wayo enenxeba, yophela nangaphakathi. Ngaphambili ngesasiyityandile ukuze singcibe udakada okanye simkhuphe. Kodwa kule mihla oogqirha bayekela kumzimba ukuba uziphilise ngokwawo. Nam ndasuka nje ndanyanga intsholongwane, ukopha kakhulu, ukuphelelwa ngamandla nokuqaqanjelwa kwayo. Emva kweeveki ezimbalwa udakada wayo waphila! Xa ndibona indlela umzimba ozinyanga ngayo, ndishiyeka ndibamb’ ongezantsi. Yaye ndikholelwa ngakumbi ukuba sidalwe nguThixo.

Yintoni eyakwenza wawathanda amaNgqina kaYehova?

Into endayithandayo ngawo kukuba nobubele, nokuyiphendula ngeBhayibhile imibuzo yam. Ndayithanda nendlela azichaza ngayo iinkolelo zawo nokunceda abanye bazi ngoThixo.

Ngaba ukuba liNgqina likaYehova kukuncedile emsebenzini wakho?

Ewe. Kundincede andafana nabanye oogqirha noonesi abaye bangabi naluvelwano ngenxa yokuba beqhelile ukubona abantu abagulayo nabonzakeleyo. Kwakhona, xa izigulana zifuna ukuncokola ngeengxaki zazo, bendizichazela ngesithembiso sokuba uMdali wethu uza kuphelisa ukugula neentlungu * kuze kungabikho mntu uthi, “Ndiyagula.” *