Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndiyeke Ukusebenzisa Iziyobisi?

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndiyeke Ukusebenzisa Iziyobisi?

 Unyaka nonyaka, kusweleka abantu abaninzi ngenxa yokusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zeziyobisi. Kweli xesha lekhorona le ngxaki iye yanda kakhulu. Abantu abaninzi bancedwe zizinto abazifunde eBhayibhileni ukuze bayeke ukusebenzisa iziyobisi. Ukuba nawe unale ngxaki, iBhayibhile ingakunceda. a

Kweli nqaku

 Kutheni sifanele silikhangele eBhayibhileni icebiso elinokusinceda siyeke ukusebenzisa iziyobisi?

 Abaphandi bafumanise ukuba abantu badla ngokusebenzisa iziyobisi kakhulu xa beziva bebodwa, benestres, ixhala nedepressed. IBhayibhile ingakunceda ube nesibindi sokumelana neengxaki ezinokukwenza usebenzise iziyobisi. Ifundisa indlela yokusondela kuThixo sibe ngabahlobo naye. (INdumiso 25:14) Unokusinceda sizoyise iingxaki ebesingenakukwazi ukumelana nazo ngokwethu.—Marko 11:22-24.

 Izinto ezine ethi iBhayibhile ungazenza ukuze uyeke ukusebenzisa iziyobisi

  1.  1. Funda ngoYehova uThixo umazi. b (Yohane 17:3) Ungumdali ibe unamandla angapheliyo. Enye into, unguTata wethu wasezulwini onothando. Ufuna ukuba ngumhlobo wakho, asebenzise amandla akhe ukuze akuncede. (Isaya 40:29-31; Yakobi 4:8) Uthembisa ukuba, uza kuphila ubomi obumnandi kwixesha elizayo ukuba ukhetha yena.—Yeremiya 29:11; Yohane 3:16.

  2.  2. Mcele uYehova akuncede. Thandaza kuThixo umcele akuncede uyeke ukusebenzisa iziyobisi ukuze ube ‘ngcwele [okanye ucoceke] wamkeleke [kuye].’ (Roma 12:1) Uza kukunceda ngomoya oyingcwele okanye amandla akhe asebenzayo, akunike “amandla angaqhelekanga.” (2 Korinte 4:7; Luka 11:13) La mandla aza kukunceda uyeke ukusebenzisa iziyobisi ube ‘nobuntu obutsha’ obuza kumenza akuthande.—Kolose 3:9, 10.

  3.  3. Izinto ozicingayo, mazifane nezicingwa nguThixo. (Isaya 55:9) Uza kukunceda ‘wenziwe mtsha kwindlela ocinga ngayo,’ okanye utshintshe indlela yokucinga ibe loo nto iza kukunceda uziyeke iziyobisi. (Efese 4:23) Indlela acinga ngayo uThixo iseBhayibhileni ngoko kufuneka uyifunde yonke imihla. (INdumiso 1:1-3) Abaninzi baye bancedwa kukufundelwa iBhayibhile ukuze bayiqonde. (IZenzo 8:30, 31) AmaNgqina kaYehova afunda iBhayibhile nabantu mahala. Siyakumema ukuba ubekhona kwiintlanganiso esiba nazo, apho sifunda into ethethwa yiBhayibhile nendlela esinokuyisebenzisa ngayo ebomini bethu.

  4.  4. Khetha abahlobo abalungileyo. Abahlobo obakhethayo bangenza kube lula okanye kube nzima ukuba uziyeke iziyobisi. (IMizekeliso 13:20) UThixo usinika abahlobo abamkhonzayo ibe ufuna basincede. (INdumiso 119:63; Roma 1:12) Yikhethe kakuhle indlela ozonwabisa ngayo kuba izinto ozibukelayo, ozimamelayo nozifundayo, ziba ngabahlobo bakho. Sukuyenza into eza kwenza kube nzima ukwenza into efunwa nguThixo.—INdumiso 101:3; Amosi 5:14.

 Iivesi zeBhayibhile ezinokukunceda uyeke ukusebenzisa iziyobisi

 INdumiso 27:10: “Nokuba utata nomama bangandilahla, uYehova uza kundichola ngokwakhe.”

 “Andimazi utata ondizalayo, ibe loo nto yandenza ndaziva kungekho yam. Ndafundiswa ngoYehova uThixo, ndabona ukuba unguMntu wokwenene ondithandayo. Loo nto yabenza bacaca ukuba bubheka ngaphi ubomi bam, ndatsho ndayeka ukusebenzisa iziyobisi.”—UWilby waseHaiti.

 INdumiso 50:15: “Ndibize ngemini yobunzima. Ndiza kukusindisa.”

 “Ixesha elininzi le vesi ibindinceda ndiyeke ukusebenzisa iziyobisi nangona bendikhe ndiqale apho bendiyeke khona. UYehova uyenzile into ebendithembise yona.”—USerhiy, waseUkraine.

 IMizekeliso 3:5, 6: “Thembela ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, Ungathembeli kwindlela oziqonda ngayo izinto. Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke, ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.”

 “Ezi vesi zindincede andazithemba kodwa ndathembela ngoYehova. Amandla andinike wona andincede ndabutshintsha ubomi bam.”—UMichele waseItaly.

 Isaya 41:10: “Sukoyika, kuba ndinawe. Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”

 “Ndaba nexhala kakhulu xa ndandingakwazi ukuzifumana iziyobisi. Esi sibhalo sandenza ndabona ukuba uYehova angandinceda kwixhala lam.”—UAndy waseMzantsi Afrika.

 1 Korinte 15:33: “Ningalahlekiswa. Ukuba nabahlobo abangalunganga, konakalisa imikhwa elungileyo.”

 “Abahlobo abangalunganga bandifundisa iziyobisi ibe loo nto yandenza ndazisebenzisa. Into eyandinceda ndaziyeka kukuba ndayeka ukuba ngabahlobo nabo. Ndakhetha ukuba nabahlobo abangaphili ubomi obumdaka futhi ndandibuthanda.”—UIsaac waseKenya.

 2 Korinte 7:1: “Masicoce imizimba yethu neengqondo zethu.”

 “La mazwi andinceda ndazimisela ukucoca umzimba wam, ndiyeke ukusebenzisa iziyobisi ndingazenzi nezinto eziza kundenzakalisa.”—URosa waseColombia.

 Filipi 4:13: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”

 “Ndandisazi ukuba ndiza kudinga amandla ukuze ndikwazi ukuyeka iziyobisi, Ngoko ndathandaza kuYehova ndimcela andincede. Wandinika amandla endandiwadinga.”—UPatrizia waseItaly.

 Izinto ezenzekileyo ezibonisa ukuba iBhayibhile ingasinceda siyeke ukusebenzisa iziyobisi

 UJoseph Ehrenbogen wakhulela kwindawo ekwakuthandwa ukuliwa kuyo. Wazibona sekesebenzisa utywala, icuba imarijuana, neheroin. Amaxesha amaninzi waphantse wafa ngenxa yokuzisebenzisa ngaphezu komlinganiselo. Amazwi aseBhayibhileni amnceda wabona ukuba angatshintsha. Funda ibali lakhe lobomi kwinqaku elithi “Ndafunda Ukuzihlonipha Nokuhlonipha Amabhinqa.

 UDmitry Korshunov wawa evuka amaxesha amaninzi ezama ukuyeka ukusela utywala kakhulu. Bukela ividiyo ethi ‘Ndandidikiwe Yindlela Endandiphila Ngayo’ ukuze ubone ukuba wancedakala njani.

 Ngaba iBhayibhile ayikufuni ukusetyenziswa kwamayeza xa umntu efuna ukuyeka iziyobisi?

 IBhayibhile ayinangxaki naloo nto. Ithi: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.” (Mateyu 9:12) I-U.S. National Institute on Drug Abuse ithi: “Ukusebenzisa iziyobisi sisifo esinzima kakhulu, ukuze umntu akwazi ukuziyeka kufuneka into engapha kokubawela nokuzibamba.” Phofu ke amandla esiwanikwa nguThixo ayakodlula oku kuzibamba nokubawela kwethu. Kodwa ke abantu abaye bakwazi ukuziyeka iziyobisi ngenxa yokuncedwa yiBhayibhile kuye kwafuneka bafumane noncedo lwasesibhedlele. c Ngokomzekelo enye indoda ekuthiwa nguAllen, ithi: “Xa ndayekayo ukusela ndaba neendawo ezibuhlungu endizivayo. Ndaqonda ukuba kufuneka ndiye nakwabezempilo ukuze ndiphile nasemzimbeni.”

 Ngaba iBhayibhile ayikufuni ukusetyenziswa kweziyobisi njengamayeza?

 IBhayibhile ayinangxaki naloo nto. Phofu ithi utywala buyamnceda umntu xa egula okanye buyenza bhetele intlungu yomntu osele eza kufa. (IMizekeliso 31:6; 1 Timoti 5:23) Kodwa ke, ngokufanayo notywala iziyobisi zokuphelisa iintlungu zinokuba sisiqhelo xa umntu ezisebenzisa. Ngoko kuhle ukuba siyibone iseza ingozi, silumke xa sisebenzisa iipilisi zokuphelisa iintlungu.—IMizekeliso 22:3.

a Nangona eli nqaku lithetha ngokuyeka ukusebenzisa iziyobisi, imigaqo yeBhayibhile ekulo inokumnceda umntu naxa elungisa ezinye iingxaki, njengokusela utywala kakhulu, ukutya kakhulu, ukungcakaza, iphonografi okanye ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola.

b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi “Ngubani UYehova?

c Iindawo ezininzi zabantu abagulayo, izibhedlele, neenkqubo zonyango, zinganceda. Umntu ngamnye kufuneka agqibe ngokwakhe ukuba yeyiphi kwezi ndawo aza kuyikhetha.—IMizekeliso 14:15.