Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle

Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle
  • KUKHALA ialam uAustin esabawela ukulala. Kodwa uvuka ngokukhawuleza anxibe iimpahla zokujima ebesele ezilungise kwangezolo aze aye kubaleka—njengoko ebeqhele ukwenza njalo kathathu ngeveki kulo nyaka uphelileyo.

  • ULaurie ugqib’ oxabana nomyeni wakhe. Enomsindo yaye edikiwe, ugqwashula aye ekhitshini akhuphe iitshokolethi aze azitye zonke—njengoko eqhele ukwenza ngolo hlobo xa ecaphukile.

Yintoni abafana ngayo uAustin noLaurie? Enoba bayayiqonda okanye akunjalo, bobabini baphenjelelwa ngumoya onamandla—umkhwa.

Kuthekani ngawe? Ngaba kukho imikhwa elungileyo ofuna ukuba nayo? Mhlawumbi ufuna ukujima qho, ukulala ngokwaneleyo okanye ukunxulumana ngakumbi nabo ubathandayo.

Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba ufuna ukwahlukana nento embi okanye engathandekiyo oyiqhelileyo, njengokutshaya, ukutya kakhulu izinto ezingekho sempilweni okanye ukuhlala ixesha elide ukwi-intanethi.

Inyani kukuba kunzima ukwahlukana nento embi osele uyiqhelile. Kuthiwa into embi osele uyiqhelile ifana neengubo ezishushu ngemini eqhaqhazelis’ amazinyo: kulula ukungena kuzo kodwa kunzima ukuphuma!

Ngoko yintoni onokuyenza ukuze izinto esele zisegazini zive ngawe kunokuba wena uve ngazo? Khawujonge la macebiso mathathu asuka kwimigaqo eseBhayibhileni.