Yiya kwinkcazelo

Yabhalwa Nini Ingxelo EngoYesu?

Yabhalwa Nini Ingxelo EngoYesu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Xa wayethetha ngencwadi awayibhalayo ngobomi bukaYesu, umpostile uYohane wabhala wathi: “Nalowo ukubonileyo oko uye wanikela ubungqina, nobungqina bakhe buyinyaniso, yaye loo mntu uyazi ukuba uxela izinto eziyinyaniso, ukuze nani nikholwe.”—Yohane 19:35.

Esinye isizathu esinokusenza sizithembe iincwadi zeVangeli ezabhalwa nguMateyu, uMarko, uLuka noYohane kukuba zabhalwa ngoxa kwakukho amangqina amaninzi. Ngokutsho kweminye imithombo, incwadi yeVangeli kaMateyu yabhalwa malunga nonyaka wesibhozo emva kokufa kukaKristu, malunga no-41 C.E. Abaphengululi abaninzi barhanela ukuba yabhalwa kwiminyaka emva kwalowo, kodwa bayavumelana ukuba zonke iincwadi zeZibhalo zamaKristu zesiGrike zabhalwa kwinkulungwane yokuqala C.E.

Abantu ababona uYesu ngoxa wayelapha emhlabeni, xa esifa naxa evuswa babenokuzingqinela iincwadi zeVangeli. Babenokuchaza naxa kubhalwe izinto ezingeyonyani. Unjingalwazi uF. F. Bruce uthi: “Eyona nto iyenza ithembeke intshumayelo yabapostile kukuba babebhenela nakulwazi lwabaphulaphuli babo; babedla ngokuthi, ‘Singamangqina ezi zinto,’ babede bathi, ‘Njengoko nani nisazi’ (IZenzo 2:22).