Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ifundisa Ukuba Umntu Xa Esindisiwe, Uhlala Esindisiwe?

Ngaba IBhayibhile Ifundisa Ukuba Umntu Xa Esindisiwe, Uhlala Esindisiwe?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akanjalo, iBhayibhile ayifundisi ukuba umntu xa esindisiwe, uhlala esindisiwe. Umntu osindiswayo ngenxa yokholo kuYesu Kristu angaphulukana nolo kholo nosindiso oluhamba nalo. IBhayibhile ithi ukuze umntu ahlale enokholo kufuneka umgudu, ‘alulwele nzima ukholo.’ (Yude 3, 5) Kwathiwa kumaKristu okuqala ayesele emamkele uKristu: “Hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.”—Filipi 2:12.

Iivesi zeBhayibhile ezingavumelaniyo nemfundiso yokuba umntu xa esindisiwe, uhlala esindisiwe

  • IBhayibhile ilumkisa ngezono ezinzulu eziza kubangela umntu angangeni eBukumkanini bukaThixo. (1 Korinte 6:9-11; Galati 5:19-21) Ukuba umntu uhlala esindisiwe, bekuya kuba lilize ukukhutshwa kwezi zilumkiso. Kunoko, iBhayibhile ibonisa ukuba umntu osindisiweyo unokuwa ngokubuyela kweza zono ebekade ezenza. Ngokomzekelo, amaHebhere 10:26 athi: “Ukuba siqhelisela isono ngabom emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, akusekho mbingelelo wezono useleyo.”—Hebhere 6:4-6; 2 Petros 2:20-22.

  • UYesu wagxininisa ukubaluleka kokuhlala sinokholo ngokwenza umzekeliso. Kuloo mzekeliso wazifanisa nesidiliya baza bona abalandeli bakhe baba ngamasebe eso sidiliya. Abanye babo babeza kubonisa ukholo kuye ngeziqhamo okanye izenzo zabo, ibe kamva abo basilelayo babeza ‘kulahlelwa phandle njengesebe elingenaziqhamo,’ ngaloo ndlela bephulukana nokholo lwabo. (Yohane 15:1-6) Umpostile uPawulos wasebenzisa umzekeliso ofanayo esithi amaKristu angahlali enokholo ‘aza kulahlwa.’—Roma 11:17-22.

  • AmaKristu ayalelwa ukuba ‘ahlale elindile.’ (Mateyu 24:42; 25:13) Abo balalayo ngokwenza “imisebenzi yobumnyama” okanye ngokungazenzi izinto abaziyalelwe nguYesu, bayaphulukana nosindiso lwabo.—Roma 13:11-13; ISityhilelo 3:1-3.

  • Izibhalo ezininzi zibonisa ukuba abo basindisiweyo bafanele baqhubeke benyamezele ngokuthembeka de kube sekupheleni. (Mateyu 24:13; Hebhere 10:36; 12:2, 3; ISityhilelo 2:10) AmaKristu enkulungwane yokuqala, avuya akufumanisa ukuba amanye amaKristu ayenyamezele elukholweni lwawo. (1 Tesalonika 1:2, 3; 3 Yohane 3, 4) Ngaba isengqiqweni into yokuba iBhayibhile igxininise ukunyamezela elukholweni ukuba abo banganyamezeliyo baza kusindiswa kakade?

  • UPawulos waqiniseka ngosindiso lwakhe xa wabona ukuba wayesele eza kufa. (2 Timoti 4:6-8) Ngaphambilana ebomini bakhe, wayeqonda ukuba wayenokuphulukana nosindiso lwakhe ukuba wayenikezela kwiminqweno yenyama. Wabhala wathi: “Ndiyawuqoba umzimba wam ndize ndiwuphathe njengekhoboka, ukuze, emva kokuba ndishumayele kwabanye, mna ngokwam ndingabi ngongakholekanga ngandlel’ ithile.”—1 Korinte 9:27; Filipi 3:12-14.