Yiya kwinkcazelo

Lithetha Ntoni Inani Elithi-666?

Lithetha Ntoni Inani Elithi-666?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ngokutsho kwencwadi yokugqibela yeBhayibhile, inani elithi-666 ligama okanye inani lerhamncwa elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi eliphuma elwandle. (ISityhilelo 13:1, 17, 18) Eli rhamncwa ngumfanekiso wenkqubo yezopolitiko yehlabathi lonke, elawula zonke ‘izizwe nabantu neelwimi neentlanga.’ (ISityhilelo 13:7) Eli nani, libonisa ukuba ulawulo lwepolitiki luye lwasilela emehlweni kaThixo. Njani?

Alingomfanekiso nje. Amagama athiywa nguThixo anentsingiselo. Ngokomzekelo, enye indoda enguAbram, enegama elithetha ukuthi, “UYise Uphakanyisiwe,” yathiywa igama elithi Abraham nguThixo, lona elithetha ukuthi, “UYise Wabaninzi,” xa uThixo wamthembisa ukuba wayeya kuba “nguyise weentlanga ezininzi.” (Genesis 17:5) Ngokufanayo ke, uThixo uye walithiya ngenani elithi-666 irhamncwa ngenxa yeempawu zalo.

Isithandathu sinento yokwenza nokungafezeki. Amanani adla ngokusetyenziswa ngendlela efuziselayo eBhayibhileni. Isixhenxe sidla ngokumela ukuphelela kwento okanye imfezeko. Ekubeni isithandathu siphambi kwesixhenxe, sona simela into engaphelelanga okanye engafezekanga emehlweni kaThixo, ibe eli nani lisetyenziswa kwinto enokwenza neentshaba zikaThixo.—1 Kronike 20:6; Daniyeli 3:1.

Ukuphindwa kwenani kathathu kuthetha ukugxininisa. Ngamanye amaxesha iBhayibhile iphindaphinda into kathathu kuba ifuna ukuyigxininisa. (ISityhilelo 4:8; 8:13) Ngoko inani elithi-666 libonisa ukuba uThixo uyijonga njengesilelayo le nkqubo yeepolitiki. Iinkokeli ezikhoyo azikwazanga ukudala uxolo nokhuseleko, nto ezo eziza kuphunyezwa buBukumkani bukaThixo.

Uphawu lwerhamncwa

IBhayibhile ithi abantu bafumana ‘uphawu lwerhamncwa’ kuba belixhasa ‘belincoma’ nokulincoma, ukusa kwinqanaba lokuba balinqule. (ISityhilelo 13:3, 4; 16:2) Bakwenza oku ngokukhonza ilizwe labo, uphawu lwalo okanye umkhosi walo onamandla. Njengokuba iEncyclopedia of Religion isitsho: “Ukuthanda ilizwe kuye kwayeyona ndlela yokukhonza kutshanje.” a

Uphawu lwerhamncwa lubekwa njani esandleni sasekunene okanye emabunzini abantu abalilandelayo? (ISityhilelo 13:16) Enika imiyalelo kuhlanga lwakwaSirayeli uThixo wathi: ‘Niyibophe ibe yimiqondiso esandleni senu, yaye ibe sisibopho esisebunzi.’ (Duteronomi 11:18) Oku kwakungathethi ukuba kwakufuneka ephawule izandla namabunzi, kodwa kwakuthetha ukuthi ilizwi likaThixo laliya kwalathisa izenzo neengcinga zawo. Ngokufanayo kunokuba inani elithi-666 libe lelokoqobo okanye libe yitattoo, olu phawu lubonisa ngendlela efuziselayo abo bavumela le nkqubo yeepolitiki ibalawule. Abo banolu phawu lwerhamncwa bazenza iintshaba zikaThixo.—ISityhilelo 14:9, 10; 19:19-21.

a Funda incwadi ethi, Nationalism in a Global Era, iphepha 134; kunye nethi Nationalism and the Mind: Essays on Modern Culture, iphepha 94.