Yiya kwinkcazelo

Ngaba UmKristu Unokulwamkela Unyango?

Ngaba UmKristu Unokulwamkela Unyango?

Impendulo yeBhayibhile

Ewe. UYesu wayebonisa ukuba abalandeli bakhe babefanele bafune unyango xa wathi “kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka.” (Mateyu 9:12) Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yamayeza, inemigaqo yokwalathisa abo bafuna ukukholisa uThixo.

Imibuzo ofanele uzibuze yona

1. Ngaba ndiyayiqonda indlela endiza kunyangwa ngayo? IBhayibhile icebisa ukuba sikhangele inkcazelo esiqinisekileyo ngayo kunokuba ‘sikholwe ngamazwi onke.’—IMizekeliso 14:15.

2. Ngaba ndifanele ndiye kugqirha wesibini okanye wesithathu ukuze ndive ukuba bona bathini? ‘Uninzi lwabacebisi’ lubalulekile, ingakumbi xa imeko okuyo inzima kakhulu.—IMizekeliso 15:22.

3. Ngaba indlela oza kunyangwa ngayo yaphula umyalelo weBhayibhile ‘wokuzikhwebula egazini.”—IZenzo 15:20.

4. Ngaba kuye kwasetyenziswa imimoya xa kuchazwa isigulo onaso okanye xa unyangwa? IBhayibhile ayikufuni ‘ukusetyenziswa kwemimoya.’ (Galati 5:19-21) Ukuze wazi enoba akusetyenziswana nemimoya na, zibuze imibuzo enjengale:

  • Ngaba lo gqirha usebenzisana nemimoya?

  • Ngaba umntu okunyangayo ukholelwa ekubeni uguliswa kukuba oothixo bakuqumbele okanye uthakathwa ziintshaba zakho?

  • Ngaba kunyuswa amadini, kugxothwe imimoya okanye kwenziwe ezinye izinto ngaphambi kokuba lusetyenziswe olo nyango?

5. Ngaba ndisoloko ndicinga ngempilo yam? IBhayibhile ithi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ukuba nengqiqo kuya kukunceda unikel’ ingqondo yakho ‘kwizinto ezibaluleke ngakumbi,’ njengokuchitha ixesha ekukhonzeni uYehova.—Filipi 1:10; Mateyu 5:3.