Yiya kwinkcazelo

ITHINI IBHAYIBHILE NGOKUPHA?

ITHINI IBHAYIBHILE NGOKUPHA?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile isikhuthaza ukuba siphe kuba sifuna, singalindeli ukuba nathi siphiwe. Xa usenza njalo, akuzuvuya nje loo mntu umphayo kuphela kodwa nawe inokukuvuyisa loo nto. (IMizekeliso 11:25; Luka 6:38) UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

 Uziva njani uThixo xa sisipha?

Simele siphe abantu ngokuzithandela. IBhayibhile ithi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”​—2 Korinte 9:7.

UThixo uvuya kakhulu xa ebona sisipha abantu kuba sifuna ukubapha. (Yakobi 1:27) UThixo uyabathanda abantu abanceda abanye ngobubele xa bedinga uncedo, ude athi baboleka yena. (IMizekeliso 19:17) IBhayibhile ithi uThixo uza kuzibhatala izinto abaye baphisa ngazo.​—Luka 14:12-14.

 Yintoni engafunekiyo xa sisipha?

Simele singaphi kuba kukho into esiyijongileyo. Nantsi imizekelo:

Ukuba eso sipho siyaphikisana nokuthanda kukaThixo. Umzekelo, akulunganga ukunika umntu imali uthi makayothenga iziyobisi okanye ahambe ayodlala amadayisi okanye anxile. (1 Korinte 6:9, 10; 2 Korinte 7:1) Asimelanga simphe nomntu ongasebenziyo ngenxa yobuvila kodwa abe enokusebenza.​—2 Tesalonika 3:10.

Kukunceda abanye sibe singazihoyanga iintsapho zethu. IBhayibhile ithi amadoda amele ondle iintsapho zawo. (1 Timoti 5:8) Akufunekanga ukuba indoda ibe nobubele kakhulu kwabanye abantu kodwa ibe ingayondli nokuyondla intsapho yayo. Kangangokuba noYesu waye wawagxeka amadoda awayesithi angamakholwa kodwa abe engafuni ukuhoya abazali abasele bebedala, kuba esithi ‘anikela kuThixo.’​—Marko 7:9-13.