Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuzila Ukutya?

Ithini IBhayibhile Ngokuzila Ukutya?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukuzila ukutya kwakuvumelekile kuThixo xa umntu enenjongo entle. Kodwa kwakungavumelekanga xa enenjongo embi. Namhlanje iBhayibhile ayitsho ukuba abantu mabakuzile okanye bangakuzili ukutya.

Abantu abaseBhayibhileni babekuzila xa kutheni ukutya?

  • Xa befuna ukuncedwa nokukhokelwa nguThixo. Abantu ababesiya eYerusalem, babezila ukutya ukuze babonise ukuba bakufuna nyhani ukuncedwa nguThixo. (Ezra 8:21-23) Ngamanye amaxesha, uPawulos noBharnabhas babezila ukutya xa beza kukhetha abantu abaza kuba ngabadala bebandla.​—IZenzo 14:23.

  • Xa bezimisele ukwenza ukuthanda kukaThixo. Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, wazila ukutya iintsuku eziyi-40 ukuze awenze kakuhle umsebenzi wokushumayela.​—Luka 4:1, 2.

  • Xa beguquka kwizono zabo. UThixo wasebenzisa umprofeti uYoweli ukuba athi kumaSirayeli angathembekanga: “Buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke, nangokuzila ukutya nangokulila nangokwenza isijwili.”​—Yoweli 2:12-15.

  • Xa iyiMini Yocamagusho. UMthetho uThixo awawunika abantu bakwaSirayeli wawunayo nendawo ethi amele azile ukutya ngeMini Yocamagusho. a (Levitikus 16:29-31) Ngale mini kwakubalulekile ukuba amaSirayeli azile kuba oku kwakuwakhumbuza ukuba anesono ibe ayakudinga ukuxolelwa nguThixo.

Ziziphi izizathu ezingafanelekanga zokuzila ukutya?

  • Ukubonwa ngabanye. UYesu wathi ukuzila ukutya kumele kube yinto ephakathi komntu noThixo, ingaziwa ngabanye abantu.​—Mateyu 6:16-18.

  • Ukuzenza ilungisa. Ukuzila ukutya akumenzi umntu aziphathe kakuhle okanye asondele kuThixo.​—Luka 18:9-14.

  • Ukucela uxolo ngesono umntu asenze ngabom. (Isaya 58:3, 4) Abantu ababexolelwa nguThixo xa bezile ukutya yayingabantu ababemthobela nababeguquke nyhani kwizono zabo.

  • Kuba iyinto eyenziwayo enkonzweni. (Isaya 58:5-7) Kule meko, uThixo ufana nomzali ongayithandiyo into yokuthandwa ngabantwana bakhe kuba benyanzelekile kunokuba bamthande nyhani.

Ngaba kufuneka amaKristu azile ukutya?

Hayi. UThixo wayefuna amaSirayeli azile ngeMini Yocamagusho, kodwa wayiphelisa loo nto xa uYesu wafela izono zabantu abaguqukileyo.(Hebhere 9:24-26; 1 Petros 3:18) AmaKristu awasekho phantsi koMthetho KaMoses, njengokuba kwakunjalo ngeMini Yocamagusho. (Roma 10:4; Kolose 2:13, 14) Ngenxa yoko, umKristu ngamnye angazikhethela ukuba uyafuna okanye akafuni ukuzila.​—Roma 14:1-4.

AmaKristu ayiqonda kakuhle into yokuba ukuzila ukutya akubalulekanga kangako kwindlela akhonza ngayo. IBhayibhile ayikudibanisi ukuzila ukutya nokonwaba. Ngokwahlukileyo, amaKristu okwenyaniso abonwa ngokonwaba njengokuba noYehova ‘enguThixo owonwabileyo.’​—1 Timoti 1:11; INtshumayeli 3:12, 13; Galati 5:22.

Ubuxoki ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngokuzila ukutya

Ubuxoki: Umpostile uPawulos wathi amaKristu atshatileyo amele azile ukutya.​—1 Korinte 7:5, iKing James Version.

Inyaniso: Imisongo yeBhayibhile yakudala ayithethi ngokuzila ukutya kweyoku-1 yamaKorinte 7:5. b Kuyabonakala ukuba abantu ababekhuphela iBhayibhile bongeza indawo ethetha ngokuzila ukutya, kungekuphela nje kule vesi kodwa nakuMateyu 17:21, kuMarko 9:29 nakwiZenzo 10:30. Kwiinguqulelo zeeBhayibhile ezininzi namhlanje ziyasuswa ezi ndawo zingeyonyani zithetha ngokuzila ukutya.

Ubuxoki: AmaKristu amele azile ukutya, ekhumbula iintsuku eziyi-40 uYesu awazila ngazo ukutya entlango emva kokuba ebhaptiziwe.

Inyaniso: UYesu akazange ayalele ukuba kwenziwe njalo ibe akukho Zibhalo zibonisa ukuba amaKristu okuqala ayekwenza oko. c

Ubuxoki: AmaKristu amele azile ukutya xa ekhumbula ukufa kukaYesu.

Inyaniso: UYesu akazange ayalele abafundi bakhe ukuba bazile ukutya xa bekhumbula ukufa kwakhe. (Luka 22:14-18) Xa uYesu wayesithi abafundi bakhe baza kuzila ukutya emva kokufa kwakhe, wayengabayaleli ukuba bakwenze oko. (Mateyu 9:15) IBhayibhile ithi amaKristu amele atye ekhaya ngaphambi kokuba aye kwiSikhumbuzo Sokufa KukaYesu.​—1 Korinte 11:33, 34

a UThixo wathi kumaSirayeli: “Nimele niyixhwalekise imiphefumlo yenu,” ngeMini Yocamagusho. (Levitikus 16:29, 31; iKing James Version) Kuthiwa la mazwi athetha ukuba kumele kuzilwe ukutya. (Isaya 58:3) Yiyo loo nto iContemporary English Version isithi: “Umele ungatyi ukuze ubonise ukuba uyazisola ngezono zakho.”

b Funda incwadi ethi, A Textual Commentary on the Greek New Testament, ebhalwe nguBruce M. Metzger, Uhlelo Lwesithathu, iphepha 554.

c Ngokwembali yokuzila ukutya kangangeentsuku eziyi-40 ngaphambi kwepasika, iNew Catholic Encyclopedia ithi: “Kwiinkulungwane ezintathu zokuqala, ixesha lokuzila ukutya ukuze kulungiselelwe ipasika lalidla ngokuba lusuku okanye iintsuku ezimbini lize lingadluli kwiveki. . . . Kuqalwa ukuthethwa ngeentsuku eziyi-40 kumthetho wesihlanu weBhunga LaseNicaea (325), nangona abanye abaphengululi besithi kusenokwenzeka ukuba akuthethwa ngexesha langaphambi kwepasika.”​—Uhlelo Lwesibini, Umqulu 8, iphepha 468.