Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

IZenzo 1:8—“Niya Kunikwa Amandla”

IZenzo 1:8—“Niya Kunikwa Amandla”

 “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele, ibe niza kuba ngamangqina am eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda naseSamariya, de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”—IZenzo 1:8, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni umoya oyingcwele, nindingqinele ebantwini baseYerusalem, nabakulo lonke elakwaYuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”—IZenzo 1:8, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa ziZenzo 1:8

 UYesu wathembisa abalandeli bakhe ukuba babeza kufumana amandla ngomoya oyingcwele wokushumayela nakwezona ndawo zikude zomhlaba.

 “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele.” UYesu waphinda isithembiso awayesenze kubafundi bakhe sokuba, babeza kuncedwa ngumoya oyingcwele a emva kokuba ebuyele ezulwini. (Yohane 14:16, 26) Emva kweentsuku eziyi-10 uYesu enyukele ezulwini ngonyaka ka-33 C.E., abafundi bakhe bafumana umoya oyingcwele ababewuthenjisiwe. (IZenzo 2:1-4) Umoya oyingcwele kaThixo awuzange ubenze bakwazi ukuthetha ezinye iilwimi okanye benze imimangaliso nje kuphela, kunoko wabanceda bakwazi ukushumayela ngesibindi ngokholo ababenalo kuYesu.—IZenzo 3:1-8; 4:33; 6:8-10; 14:3, 8-10.

 “Niza kuba ngamangqina am.” Igama eliguqulelwe ngokuthi “ukungqina” lithetha “umntu onikela ubungqina” bento ayibonileyo okanye eyenzeke kuye. Njengoba abapostile babezibonele ubomi bukaYesu, bakwazi ukuba ngamangqina kwizinto awayezenza kumsebenzi wakhe nezenzeka xa wayebulawa naxa wayevuswa. (IZenzo 2:32; 3:15; 5:32; 10:39) Ubungqina babo benza abaninzi bakholelwa ukuba uYesu yayinguKristu uMesiya owayethenjisiwe. (IZenzo 2:32-36, 41) Abantu ababakholelwayo abapostile baye baba ngamangqina kaYesu, nabo baqalisa ukushumayela ngento eyayithethwa bubomi bukaYesu, ukubulawa nokuvuswa kwakhe.—IZenzo 17:2, 3; 18:5

 “Nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” La mazwi athetha ukuya kufika “ekupheleni komhlaba” okanye “kwamanye amazwe.” UYesu wayebonisa ukuba abalandeli bakhe babeza kuhamba iindawo ukuze bayokushumayela ngaye. Babengazukuphelela kwaYuda naseSamariya ukuthetha ngezinto abazikholelwayo. Phofu, babeza kushumayela kwiindawo nakubantu abaninzi ukogqitha abo uYesu washumayela kubo. (Mateyu 28:19; Yohane 14:12) Kungekagqithi neminyaka eyi-30 emva kokuba uYesu ethethe la mazwi, umpostile uPawulos wathi iindaba ezilungileyo ezingoYesu zashunyayelwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu,” nakwiindawo ezisecaleni ezifana neRoma, eParti (ekumzantsi mpuma yolwandle lweCaspian), nakuMntla Afrika.—Kolose 1:23; IZenzo 2:5, 9-11.

Into ekuthethwa ngayo kwiZenzo 1:8

 Incwadi yeZenzo igqibezela izinto ezikwincwadi kaLuka. (Luka 24:44-49; IZenzo 1:4, 5) ULuka ongumbhali wayo uyiqala ngokuchaza indlela awabonakala ngayo uYesu kubalandeli bakhe emva kokuba evusiwe. (IZenzo 1:1-3) Emva koko, ubalisa ngendlela elaqala laza lakhula ngayo ibandla lamaKristu ngo-33 C.E. ukuya kutsho malunga no-61 C.E.—IZenzo 11:26.

 Into ebhalwe kwiZenzo 1:8 ibonisa ukuba abalandeli bakaYesu babezibuza ukuba wayeza kuqalisa ukulawula ngexesha labo na njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. (IZenzo 1:6) Xa wayebaphendula, uYesu wathi mabangazixhalabisi ngokuba uBukumkani buza kumiselwa nini. (IZenzo 1:7) Eyona nto babemele bayenze kukushumayela ngoYesu “nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” (IZenzo 1:8) NamaKristu namhlanje enza okufanayo, ashumayela ngoBukumkani bukaThixo ekhuthele.—Mateyu 24:14.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwincwadi yeZenzo.

a Umoya oyingcwele ngamandla asetyenziswa nguThixo. (Genesis 1:2) Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Yintoni UMoya Oyingcwele?