Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

ISityhilelo 21:4—“Uza Kuzosula Zonke Iinyembezi”

ISityhilelo 21:4—“Uza Kuzosula Zonke Iinyembezi”

 “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhilelo 21:4, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:4, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa siSityhilelo 21:4

 UThixo uthembisa ukuba uza kuphelisa zonke izinto ezenza abantu baphile kabuhlungu. Akazuphelela apho, kodwa uza kuphelisa nonobangela wezi ngxaki.

 “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo.” La mazwi angqina isithembiso sikaYehova a esibhalwe ngumprofeti uIsaya esithi uza “kuzosula iinyembezi ebusweni babo bonke abantu.” (Isaya 25:8; ISityhilelo 7:17) La mazwi abonisa indlela uThixo abathanda ngayo bonke abo baye balila ngenxa yokuswelekelwa ngabantu ababathandayo, okanye ngenxa yezinye iintlungu.

 “Kungabi sabakho kufa.” La mazwi athetha ukuba “akuzophinda kubekho ukufa” okanye “akukho mntu uya kuphinda afe.” UThixo uthembisa ukuba uza kuphelisa ukufa kunye neentlungu ezibangelwa kuko. Kwakhona, kuza kubakho uvuko. (1 Korinte 15:21, 22) Loo nto ithetha ukuba ukufa “kuza kupheliswa,” kube ngathi zange kwabakho.—1 Korinte 15:26.

 “Kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.” Isithembiso sikaThixo asithethi ukuba abantu abazukuva kwantlungu xa beza kwenzakala okanye kuza kwenzeka ingozi. Kodwa esi sithembiso sithetha ukuba zonke iintlungu esizivayo ezibangelwa sisono b nokungafezeki azizukubakho, njengokugula, nokungonwabi.—Roma 8:21, 22.

 “Izinto zangaphambili azisekho.” La mazwi aqukumbelayo abonisa utshintsho abantu abaza kulubona. Enye ingxelo ithi: “Abantu baphila kabuhlungu ngoku ibe loo nto abakwazi kuyitshintsha. Bayasweleka, bayazila, bayakhala ibe basentlungwini. Kodwa yonke loo nto izotshintsha.” Abantu baza kukwazi ukuphila kamnandi emhlabeni ngonaphakade, kuba leyo yayiyinjongo kaThixo.—Genesis 1:27, 28.

Into ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 21:4

 Ekuqaleni kwesahluko 21, umpostile uYohane uchaza into awayibona embonweni. Uthi: “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha.” (ISityhilelo 21:1) Apha akathethi ngezulu nomhlaba wokoqobo, kodwa uthetha ngotshintsho olwachazwa kwangaphambili zezinye iivesi zeBhayibhile. (Isaya 65:17; 66:22; 2 Petros 3:13) Urhulumente kaThixo osezulwini, okanye “izulu elitsha,” uza kubasusa bonke oorhulumente babantu. Uza kulawula “nomhlaba omtsha,” oko kukuthi, abantu abazakube bephila emhlabeni.—Isaya 65:21-23.

 Yintoni ebonisa ukuba la mazwi abhekisela kubomi obuza kuphilwa emhlabeni? Okokuqala, isithembiso sikaThixo siqala ngala mazwi: “Intente kaThixo iphakathi kwabantu.” (ISityhilelo 21:3) Apha akuthethwa neengelosi ezisezulwini, kodwa kuthethwa nabantu abasemhlabeni. Okwesibini, kuthethwa ngehlabathi ‘elingasoze liphinde libe nokufa.’ (ISityhilelo 21:4) Zange kwabakho kufa ezulwini, kodwa kwenzeka emhlabeni. (Roma 5:14) Ngoko singatsho ukuba le vesi ithetha ngezinto eziza kwenzeka apha emhlabeni.

 Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi yeSityhilelo.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?

b EBhayibhileni, isono sibhekisela kuyo nayiphi na into umntu ayenzayo, okanye ayicingayo, engqubana nemithetho kaThixo. (1 Yohane 3:4) Jonga inqaku elithi “Yintoni Isono?