Yiya kwinkcazelo

Babecinga Ukuba Ngumfundisi

Babecinga Ukuba Ngumfundisi

UOsman, inkosikazi nentombi yakhe, babeshumayela ngetroli kufutshane nasemangcwabeni eChile. Kusenjalo, kwathi gqi abantu abaninzi bezokungcwaba ibe babedlalela umculo phezulu. Abanye babo babecinga ukuba uOsman ngumfundisi wabo. Baya kuye bamhaga baza bathi, “Mfundisi, enkosi ngokufika kwangethuba, besikulindele!”

UOsman wazama ukubacacisela ukuba akanguye umfundisi kodwa babengamva kakuhle ngenxa yengxolo. Emva kwemizuzu embalwa befikile abo bantu emangcwabeni, kweza abambalwa kuOsman bathi, “Mfundisi, silinde wena.”

Njengoko ingxolo yayehlile, uOsman wakwazi ukubacacisela ukuba ungubani ibe uzokwenza ntoni apha. Yabacaphukisa into yokuba umfundisi wabo engafikanga, baza bathi kuOsman, “Sicela uthethe noba ngamazwi ambalwa asuka eBhayibhileni.” UOsman wavuma.

Endleleni eya kule ndawo kuza kungcwatyelwa kuyo, uOsman wababuza imibuzo embalwa ngalo mntu uswelekileyo, waza wacinga ngezibhalo aza kuzisebenzisa. Ukufika kwakhe, wazazisa kwabo bantu babelapho waza wabaxelela ukuba uliNgqina LikaYehova ibe ushumayela indaba ezilungileyo ebantwini.

Wasebenzisa iSityhilelo 21:3, 4 noYohane 5:28, 29, ukuze abacacisele ukuba uThixo wayengabadalelanga ukuba basweleke abantu. Wabachazela ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa baze babenethuba lokuphila emhlabeni ngonaphakade. Wathi egqiba nje babe bemhaga ibe bembulela “ngeendaba ezilungileyo ezivela kuYehova.” Emva koko wabuyela etrolini.

Emva komngcwabo abanye kwabo babezilile beza kuOsman nentsapho yakhe bababuza imibuzo ngeBhayibhile. Bancokola ixesha elide nabo, ibe bazithatha phantse zonke incwadi ababenazo etrolini.