Yiya kwinkcazelo

Ngubani Olawula Ihlabathi?

Ngubani Olawula Ihlabathi?

Ucinga ukuba . . .

  • nguThixo?

  • ngabantu?

  • nguSathana?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“Ihlabathi lilawulwa nguSathana.”​—1 Yohane 5:​19, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Wazela loo nto kanye uNyana kaThixo, ukuba azokutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.”​—1 Yohane 3:8.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Unokutsho ucacelwe ngunobangela weengxaki zehlabathi.​—ISityhilelo 12:12.

Unokuba nethemba lokuba ihlabathi lethu liza kutshintsha libe bhetele.​—1 Yohane 2:17.

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Sinokuyikholelwa into yokuba ihlabathi liza kuba bhetele, ngenxa yezi zizathu:

  • Ulawulo lukaSathana aluzukuphumelela. UYehova uzimisele ukuluphelisa ulawulo lukaSathana. Uthembisa ukuba uza ‘kumtshabalalisa uMtyholi,’ aze alungise wonke umonakalo awenzileyo.​—Hebhere 2:14.

  • UYehova uThixo ukhethe uYesu Kristu ukuba alawule ihlabathi. UYesu akafani tu nomlawuli weli hlabathi okhohlakeleyo nongabacingeliyo abantu. Xa uThixo ethetha ngolawulo lukaYesu, uthi: “Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu . . . Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”​—INdumiso 72:​13, 14.

  • UThixo akaxoki. IBhayibhile ithi ‘akunakwenzeka ukuba axoke.’ (Hebhere 6:​18) Xa uYehova uThixo ethembisa ukuba uza kwenza into, unokuqiniseka ukuba nakanjani iza kwenzeka. (Isaya 55:​10, 11) “Umlawuli weli hlabathi uza kugxothwa.”​—Yohane 12:31.

NANK’ UMBUZO

Liza kuba njani eli hlabathi emva kokuba umlawuli walo etshatyalalisiwe?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWINDUMISO 37:​10, 11 NAKWISITYHILELO 21:​3, 4.