Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unganako Na Ukumbona UThixo Ongabonakaliyo?

Unganako Na Ukumbona UThixo Ongabonakaliyo?

“UTHIXO unguMoya,” ngoko asikwazi kumbona. (Yohane 4:24) Kodwa iBhayibhile ithi bakho abantu abakha bambona uThixo. (Hebhere 11:27) Kwenzeka njani oko? Ungambona nyhani ‘uThixo ongabonakaliyo’?—Kolose 1:15.

Masikuzekelise oku ngomntu ozelwe eyimfama. Ngaba oko kumenza angazi nowathwethwa ngoko kwenzekayo ehlabathini? Akunjalo. Umntu oyimfama uyakwazi ukwahlukanisa phakathi kwabantu, izinto nezandi azivayo. Enye imfama yathi: “Asiboni ngamehlo. Sibona ngengqondo.”

Kuyafana ke nangokubona uThixo. Nangona ungenakumbona ngamehlo okoqobo, unako ukumbona ‘ngamehlo entliziyo.’ (Efese 1:18) Nazi iindlela ezintathu onokumbona ngazo.

“ZIBONWA NGOKUCACILEYO UKUSUSELA EKUDALWENI KWEHLABATHI”

Iimfama zidla ngokuba nobuchule ekusebenziseni iindlebe nezandla zazo njengamehlo. Ngokufanayo ke nathi, xa sisiva size sichukumise izinto ezidaliweyo, sitsho simbone uThixo ozidalileyo. “Iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.”—Roma 1:20.

Ngokomzekelo, khawucinge nje ngalo mhlaba siphila kuwo. Asithiwanga ntimfa nje ukuze siziphandele, kodwa wenziwe ngendlela yokuba sibunandiphe ubomi. Kuthi ngco kuthi ngaphakathi xa sisiva impepho epholileyo, sigcakamele ilanga, sisitya isiqhamo esivuzis’ izinkcwe, okanye sisiva untyilo-ntyilo otsho kamnandi weentaka. Ngaba oku akukwenzi ube nombono woMdali osithandayo, osinyamekelayo noyimvuze-mvuze bububele?

Yintoni onokuyifunda ngoThixo xa ujonga indalo yakhe? Ngokuqinisekileyo ikubonisa amandla akhe. Jonga nje into abaye bayifumanisa kutshanje oososayensi, yokuba sihleli nje kanti isibhakabhaka siyaqhubeka sisanda kakhulu! Xa uphos’ amehlo esibhakabhakeni ngokuhlwa, ubokhe uzibuze ngeny’ imini ukuba: ‘Ngakabani la mandla makhulu kangaka enza ukuba iinkwenkwezi zibhekele ukuze isibhakabhaka siqhubeke sisanda?’ IBhayibhile isixelela ukuba uMdali ‘unamandla amakhulu.’ (Isaya 40:26) Indalo kaThixo yona iyasibonisa ukuba ‘unguSomandla,’ yaye “uphakamile ngamandla.”—Yobhi 37:23.

‘LOWO UMCACISILEYO’

Omnye umama onabantwana ababini abangaboniyo uthi: “Ukuthetha nabo yeyona ndlela ibalulekileyo yokubafundisa. Baxelele yonke into oyibonayo noyivayo, ngaphakathi nangaphandle kwendlu. Ungamehlo abo.” Ngokufanayo ke, nangona ‘kungekho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha,’ uNyana wakhe uYesu, “osesifubeni kuYise ngulowo umcacisileyo.” (Yohane 1:18) UYesu, olizibulo likaThixo, noNyana oyintonga esekhosi kaYise, “ungamehlo” ethu okubona emazulwini. Usinike owona mfanekiso-ngqondweni ucacileyo ngoThixo.

Nazi izinto ezimbalwa uYesu asikhanyisele zona ngoThixo:

  • UThixo ukhuthele. “UBawo uyasebenza kude kube ngoku.”—Yohane 5:17.

  • UThixo uyazazi iintswelo zethu. “UYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekamceli.”—Mateyu 6:8.

  • UThixo uyasinyamekela. ‘UYihlo osemazulwini ulenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo, nemvula uyinisa kubantu abangamalungisa  nabangengomalungisa.’—Mateyu 5:45.

  • UThixo uxabise mntu ngamnye. “Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na? Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ngoko ke musani ukoyika: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”—Mateyu 10:29-31.

UMNTU OWAYENGUMFANEKISO WOTHIXO ONGABONAKALIYO

Abantu abangaboniyo ngamehlo, banezinye iindlela abazisebenzisayo zokubona. Ngokomzekelo, banokungasiboni isithunzi njengendawo emnyama engenalanga, kodwa basibone njengendawo epholileyo, engafudumelanga. Nathi sisenokungamboni ngokoqobo uYehova, kodwa zikho ezinye iindlela esimbona ngazo. Ukuze asincede sikwazi ukumbona, uYehova uye wasinika umntu ongumfanekiso ogqibeleleyo weempawu nobuntu bakhe.

Loo mntu nguYesu. (Filipi 2:7) UYesu akazange asixelele kuphela, kodwa wasibonisa ukuba ungubani uThixo. Umfundi wakhe uFilipu wamcela wathi: “Nkosi, sibonise uYihlo.” UYesu wamphendula wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:8, 9) Yintoni ‘esiyibonileyo’ kuYesu esichazela banzi ngoThixo?

UYesu wayenobubele, ethobekile, yaye engeneka. (Mateyu 11:28-30) Ubuntu bakhe obuhlaziyayo babusenza abantu batsaleleke kuye. Wayesiba buhlungu xa abanye bebuhlungu, avuye xa bevuya. (Luka 10:17, 21; Yohane 11:32-35) Xa ufunda ngoYesu eBhayibhileni, yiba nomfanekiso-ngqondweni woko ukufundayo. Ukuba ucingisisa nzulu ngendlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu, uya kububona ngokucacileyo ubuntu obumangalisayo bukaThixo, ibe uya kuziva utsalelekile kuye.

UKWAKHA UMFANEKISO-NGQONDWENI OPHELELEYO

Omnye umbhali wathi xa echaza indlela imfama elibona ngayo ihlabathi: “Iqokelela inkcazelo apha naphaya, kwizinto eziliqela (ngokuchukumisa, ukujoja, ukuva, njalo njalo), ize iyidibanise ukuze yakhe umfanekiso-ngqondweni opheleleyo.” Ngoko nathi xa sijonga indalo kaThixo, sifunde oko uYesu wakuthethayo ngaye, nendlela awabubonakalisa ngayo ubuntu bukaThixo, kuthi tha umfanekiso-ngqondweni omhle ngoYehova. Utsho umbone njengomntu wokoqobo.

Yiloo nto kanye eyenzeka kuYobhi wamandulo. Ekuqaleni ‘wayengaziqondi’ izinto awayezithetha. (Yobhi 42:3) Kodwa emva kokuqwalasela indalo emangalisayo kaThixo, uYobhi wachukumiseka waza wathi: “Ndikuve ngondiva, kodwa ngoku iliso lam liyakubona.”—Yobhi 42:5.

‘Ukuba uthe wamfuna uYehova, uya kumfumana’

Kusenokuba njalo nakuwe. “Ukuba uthe wamfuna [uYehova], uya kumfumana.” (1 Kronike 28:9) AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda umfune uze umfumane uThixo ongabonakaliyo.