Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Ngokuvumayo—EMicronesia

Bazinikela Ngokuvumayo—EMicronesia

UKATHERINE wakhulela eUnited States, ibe xa wayeneminyaka eyi-16 wabhaptizwa waba liNgqina likaYehova. Lo dade wayekuthanda ukushumayela, kodwa abantu awayeshumayela kubo kwingingqi yakhe babengenamdla kangako kwisigidimi soBukumkani. Uthi: “Ndandidla ngokufunda amava abantu abathandaza kuThixo bemcela ukuba athumele umntu oza kubanceda bamazi. Ndandikubawela ukufumana umntu onjalo, kodwa loo nto ayizange yenzeke.”

Emva kweminyaka eshumayela kuloo ntsimi, uKatherine waqalisa ukucinga ngokufudukela kwindawo enabantu abanomdla kwisigidimi soBukumkani. Kodwa wayezibuza ukuba akuzi kuba nzima na. Wayekhe wemka kwakanye kowabo—phofu ehambe iiveki ezimbini kuphela—ibe kuzo zonke ezo ntsuku wayefuna ukugoduka. Sekunjalo, wayekufuna shushu ukufumana uvuyo lokunceda abantu abafuna ukwazi uYehova. Emva kokucinga ngeendawo eziliqela anokufudukela kuzo, wabhalela isebe laseGuam waza wafumana inkcazelo awayeyidinga. NgoJulayi 2007, xa wayeneminyaka eyi-26, uKatherine wafudukela eSaipan, isiqithi esikuLwandlekazi iPasifiki, kumgama weekhilomitha eziyi-10 000 ukusuka kowabo. Kwaba njani ukufudukela apho?

UKUPHENDULWA KWEMITHANDAZO EMIBINI

Emva nje kokufika kwakhe kwibandla elitsha, uKatherine wadibana noDoris, ibhinqa elineminyaka engaphezu nje kweyi-40, elavumayo ukufundelwa iBhayibhile. Emva kokuba befunde izahluko ezithathu zencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, kwabakho into eyakhathaza uKatherine. Uthi: “UDoris wayesiza kakuhle, ibe ndandingafuni kusimosha eso sifundo. Ndandingazange khe ndiqhube sifundo seBhayibhile ngaphambili, ngoko ndandivakalelwa ukuba uDoris ufanele afundelwe ngudade onamava, mhlawumbi umntu olingana naye.” UKatherine wathandaza kuYehova emcela ukuba amncede afumane udade oza kufundela uDoris. Emva koko wagqiba kwelokuba achazele uDoris ngale nto acinga ukuyenza.

UKatherine uthi: “Ndathi ndingekathethi naye ngalo mba, uDoris wathi kukho ingxaki afuna ukuthetha nam ngayo. Emva kokumphulaphula, ndamchazela ngendlela uYehova awandinceda ngayo ndajamelana nengxaki efanayo. Wandibulela.” Emva koko uDoris wathi kuKatherine: “UYehova undinceda esebenzisa wena. Ngala mini wawuqala ukufika  apha kwam, ndandichithe iiyure ndifunda iBhayibhile yam. Ndandilila, ndicela uThixo ukuba andithumelele umntu oza kundinceda ndiqonde iBhayibhile, kwasuka kwankqonkqoza wena. UYehova wawuphendula umthandazo wam!” UKatherine uba nyembezana xa ebalisa ngeso sihlandlo sichukumisayo. Uthi: “Amazwi kaDoris aphendula nowam umthandazo. UYehova wandibonisa ukuba ndandinokukwazi ukuqhubeka ndimfundela uDoris.”

UDoris wabhaptizwa ngo-2010, ibe ngoku naye uqhuba izifundo zeBhayibhile eziliqela. UKatherine uthi: “Ndiyixabisa ngokwenene into yokuba uzalisekile umnqweno wam wokunceda umntu onyanisekileyo abe ngumkhonzi kaYehova!” UKatherine unguvulindlela okhethekileyo eKosrae, isiqithi esikwiPasifiki.

IMIQOBO EMITHATHU—INDLELA YOKUYOYISA

Bangaphezu kwekhulu abazalwana noodade abasuka phesheya (abaneminyaka eyi-19 ukusa kweyi-79 ubudala) abaye bafudukela eMicronesia. Indlela abavakalelwa ngayo aba bazalwana noodade banenzondelelo ichazwa kakuhle nguErica, owafudukela eGuam ngo-2006, eneminyaka eyi-19. Uthi: “Kumnandi nyhani ukuba nguvulindlela kwindawo enabantu abanxanelwe inyaniso. Ndiyambulela uYehova kuba eye wandinceda ndaba nguvulindlela. Abukho ubomi obogqitha obu!” Sithethanje, uErica unguvulindlela okhethekileyo e-Ebeye kwiiMarshall Islands. Kakade ke, ukukhonza kwilizwe lasemzini kuneengxaki zako. Makhe sithethe ngezintathu kuzo size sibone indlela abaye bajamelana ngayo nazo abazalwana abafudukele eMicronesia.

(Ifoto engasekunene) UErica

Indlela Yokuphila. Emva kokufika ePalau ngo-2007, uSimon owayeneminyaka eyi-22 wakhawuleza wabona ukuba imali awayeza kuziphilisa ngayo yayincinci lee kuleyo wayeyifumana kwilizwe lakowabo eNgilani. “Kwafuneka ndifunde ukungathengi yonke into le endiyifunayo. Ngoku, ndiyakukhetha ukutya endikuthengayo, ibe ndikhangela amaxabiso aphantsi. Xa ndophukelwe yinto ethile, ndiye ndifune umntu oza kundinceda ndiyilungise.” Kuye kwamchaphazela njani ukuphila ubomi obulula? USimon uthi: “Kuye kwandinceda ndazazi izinto ezibalulekileyo ebomini ndaza ndafunda nokuphila ngezinto ezimbalwa. Kwizihlandlo ezininzi, ndiye ndayibona indlela uYehova andinyamekela ngayo. Kule minyaka isixhenxe ndilapha, andikhange khe ndilale ndingatyanga okanye ndingabi nandawo yakulala.” UYehova uyabanyamekela abo baphila ubomi obulula kuba befuna uBukumkani kuqala.—Mat. 6:32, 33.

Ukukhumbula Ekhaya. UErica uthi: “Siyavana nabantu basekhaya, ngoko ndandinexhala lokuba ukukhumbula ekhaya kwakuza kundiphazamisa entsimini.” Wenza ntoni ukuze azilungiselele? “Ngaphambi kokuba ndifuduke, ndafunda amanqaku eMboniselo awayethetha ngokukhumbula ekhaya. Oku kwandinceda ndalungisa intliziyo yam. Kwelinye inqaku, omnye udade waqinisekisa intombi yakhe  ukuba uYehova uyikhathalele, esithi: ‘UYehova unokukunyamekela bhetele kunam.’ Loo mazwi andomeleza.” UHannah nomyeni wakhe uPatrick, bakhonza eMajuro kwiiMarshall Islands. Xa ekhumbula ekhaya, uHannah uye anikele ingqalelo kubazalwana noodade abasebandleni. Uthi: “Ndimbulela qho uYehova ngabazalwana abasehlabathini lonke, kuba nabo bayinxalenye yentsapho yam. Ukuba bebengandixhasi, bendingayi kukwazi ukukhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi.”

(Ifoto engasekhohlo) USimon

Ukwenza Abahlobo. USimon uthi: “Xa ufika kwilizwe elitsha, phantse yonke into iba ntsha. Ndikhe ndikukhumbule ukuqhula nabantu abaza kuyiqonda into endiyithethayo.” UErica uthi: “Ekuqaleni ndandiziva ndililolo, kodwa oko kwandinceda ndacinga ngesizathu sokufuduka kwam. Ndandingafudukanga ngenxa yeengenelo endiza kuzifumana, kunoko ndafudukela ukumsebenzela ngakumbi uYehova.” Wongez’ esithi: “Ethubeni, ndaba nabahlobo endibaxabisa kakhulu.” USimon wazimisela ukufunda isiPalau, nto leyo eyamnceda wakwazi ‘ukuphangalala’ kubazalwana noodade balapho. (2 Kor. 6:13) Loo mizamo yamenza wathandwa ngabazalwana basekuhlaleni. Xa abazalwana basemzini nabasekuhlaleni besebenzisana, bonke batsho banandiphe ubuhlobo obusondeleyo ebandleni. Ziziphi ezinye iingenelo ezifunyanwa ngabo baye bazinikela ukuze baye kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi?

‘UKUVUNA INTABALALA’

Umpostile uPawulos wathi: “Lowo uhlwayela ngokuyintabalala uya kuvuna intabalala.” (2 Kor. 9:6) Lo mgaqo usebenza kakuhle kwabo baye bandisa ubulungiseleli babo. Ziziphi iziqhamo ‘abazivuna ngokuyintabalala’ eMicronesia?

UPatrick noHannah

EMicronesia, maninzi amathuba okuqalisa izifundo zeBhayibhile nokubona abantu abafunda baze bayiphile inyaniso eseLizwini likaThixo besenza inkqubela. UPatrick noHannah bashumayela naseAngaur, isiqithi esincinane esinabemi abayi-320. Emva kweenyanga ezimbini beshumayela apho, badibana nomnye usisi okhulisa abantwana ngaphandle kweqabane. Wavuma ngoko nangoko ukufundelwa iBhayibhile, wayithanda inyaniso, waza watshintsha indlela awayephila ngayo. UHannah uthi: “Sasisithi xa sihamba kwakhe ngeebhayisekile zethu, sijongane size sithi: ‘Enkosi Yehova!’” Wongeza esithi: “Ndiyazi ukuba uYehova ebenokusebenzisa omnye umntu ukuze atsale esi sifundo, kodwa ukukhonza kwethu kwindawo efuna abavakalisi kuye kwasinceda sakwazi ukufumana le mvu saza sayinceda yamazi uYehova. La mava ngawona aye amnandi ebomini bethu!” Njengokuba uErica esitsho, “xa unceda umntu azi uYehova, ufumana uvuyo olungenakufaniswa nanto!”

NGABA UNOKUBA NENXAXHEBA?

Kumazwe amaninzi, kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Ngaba nawe unokufudukela kwindawo efuna uncedo? Thandaza kuYehova umcele ukuba akhulise umnqweno wakho wokwandisa ubulungiseleli. Ncokola nabadala bebandla, umveleleli wesiphaluka, okanye abanye abaye banelungelo lokukhonza kwilizwe elifuna uncedo. Xa sele uqalisile ukuceba kakuhle, bhalela isebe laloo ndawo ungathanda ukuya kunceda kuyo ucele inkcazelo engakumbi. * Mhlawumbi nawe unokuba phakathi kwamawaka abazalwana noodade—abadala nabaselula, abangatshatanga nabatshatileyo—abazinikela ngokuvumayo baze ‘bavune intabalala.’

^ isiqe. 17 Funda inqaku elithi “Ngaba ‘Ungawelela EMakedoni’?” kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 2011.