Yiya kwinkcazelo

Ngaba Iidemon Zikho Ngokwenene?

Ngaba Iidemon Zikho Ngokwenene?

Impendulo yeBhayibhile

 Ewe zikho. Iidemon ‘ziingelosi ezonayo,’ izidalwa zomoya ezavukela uThixo. (2 Petros 2:4) Ingelosi yokuqala eyaba yidemon nguSathana uMtyholi, lowo iBhayibhile ithi ‘ngumlawuli weedemon.’—Mateyu 12:24, 26.

Imvukelo ngomhla kaNowa

 IBhayibhile ichaza imvukelo yeengelosi ngaphambi koMkhukula womhla kaNowa: “Baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.” (Genesis 6:2) Ezo ngelosi zingendawo “zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” emazulwini zaza zazambathisa imizimba yabantu ukuze zilale namabhinqa.—Yuda 6.

 Xa kwafika uMkhukula, ezi ngelosi zinemvukelo zayishiya loo mizimba, zabuyela ezulwini. Noko ke, uThixo wazigxotha kwintsapho yakhe waza wazohlwaya ngokuthi zingaphindi zikwazi ukuba nemizimba yabantu.—Efese 6:11, 12.