Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Eza Kukunceda Uqhelane Nebandla Elitsha?

Yintoni Eza Kukunceda Uqhelane Nebandla Elitsha?

NGABA wawukhe wafudukela kwibandla elitsha? Ukuba uthi ewe, mhlawumbi uyavumelana noJean-Charles xa esithi: “Kuyingxaki ukuqhelana nebandla elitsha ngoxa kwangaxeshanye kufuneka uqiniseke ukuba intsapho yakho yonke ihlala inokholo oluqinileyo.” Ngaphandle kokukhangela umsebenzi, indawo yokuhlala, mhlawumbi nezikolo ezitsha, kusenokuba nzima kubantu abafudukele kwenye indawo ukuqhelana nemozulu yakhona, izithethe zakhona, nokushumayela kwintsimi entsha.

Yena uNicolas noCéline baba nenye ingxaki. Iofisi yesebe laseFrance yabacela ukuba baye kukhonza kwelinye ibandla, bavuma. Bathi: “Sasivuya ekuqaleni, kodwa kwaba nzima emva koko kuba sasikhumbula abahlobo bethu. Sasingekaqhelani kangako nabazalwana noodade bebandla elitsha.” a Ekubeni kunokuba nzima ukufudukela kwibandla elitsha, yintoni onokuyenza ukuze uqhelane nalo uze wonwabe? Yintoni abanokuyenza abanye? Zeziphi iindlela onokubakhuthaza ngazo abanye? Wena, unokukhuthazeka njani kwibandla elitsha?

IMIGAQO EYI-4 ENOKUKUNCEDA

Thembela ngoYehova

1. Thembela ngoYehova. (INdu. 37:5) Xa kwafuneka umyeni wakhe aye kusebenza kwenye indawo, uKazumi waseJapan walishiya ibandla awayekhonza kulo iminyaka eyi-20. ‘Wayiyekela njani kuYehova indlela yakhe’? Uthi: “Ndandisoloko ndixelela uYehova indlela endoyika ngayo, endiziva ndindodwa ngayo, nexhala endandinalo. Qho xa ndithethe naye, wayendipha amandla endiwadingayo.”

Yintoni onokuyenza ukuze uthembele kakhulu ngoYehova? Ukuze isityalo sikhule, sidinga amanzi nezondlo eziphuma emhlabeni. Nokholo lwethu ke ludinga ukondliwa ukuze lukhule. Ukuze uNicolas ekukhe kwathethwa ngaye aqiniseke nyhani ukuba uYehova uza kumnceda, wacinga ngamadoda awancama izinto ezininzi ukuze enze ukuthanda kukaThixo; uAbraham, uYesu noPawulos. Ukuyifunda qho iBhayibhile kuza kukunceda umelane notshintsho olwenzekayo ebomini bakho. Uza kufunda nezinto onokuzisebenzisa xa ukhuthaza abazalwana noodade bebandla lakho elitsha.

Sukuthelekisa ibandla elitsha nelo usuka kulo

2. Sukuthelekisa ibandla elitsha nelo usuka kulo. (INtshu. 7:10) Xa uJules wafudukela eUnited States, kwafuneka aqhelane nendlela yokuphila eyahluke mpela kweyaseBenin, apho wayesuka khona. Uthi: “Ndandicinga ukuba qho ndidibana nabantu endingabaziyo, kuza kufuneka ndibabalisele ngobomi bam.” Ngenxa yokuba wayengayiqhelanga loo nto, waqalisa ukuzikhetha kubazalwana noodade bebandla lakhe elitsha. Wathi akubazi bhetele, yatshintsha indlela ebecinga ngayo. Uthi: “Ngoku ndiyabona ukuba bonke abantu bayafana, nokuba bahlala phi. Bahluke nje ngendlela abathetha ngayo nabazenza ngayo izinto. Kubalulekile ukuba sibathande benjalo, singalindeli ukuba babe yile nto ifunwa sithi.” Ngoko kulumkele ukuthelekisa ibandla obukulo nelo ukulo ngoku. Omnye udade onguvulindela, uAnne-Lise uthi: “Ukuya kwam kwelinye ibandla, ndandifuna ukufunda izinto ezintsha. Ndandingalindelanga ukuba yonke into iza kwenzeka ngendlela efanayo nakwibandla endisuka kulo.”

Nabadala bamele bakuphephe ukuthelekisa ibandla elitsha nelo bebekade bekulo. Abazalwana basenokwenza izinto ngendlela eyahlukileyo, ibe nayo ingekho rongo. Uza kuba ulumkile ke xa uqale ulazi kakuhle ibandla elitsha okulo ngaphambi kokuba ucebise. (INtshu. 3:​1, 7b) Kubhetele bafunde kwindlela ozenza ngayo izinto abazalwana kunokubanyanzela ukuba bacinge njengawe.​—2 Kor. 1:24.

Ncedisa

3. Ncedisa. (Fil. 1:27) Ukufuduka kufuna ixesha namandla, kodwa kubalulekile ukuba xa iimeko zikuvumela ukhawuleze uye kwiintlanganiso, ungangeni ngoZoom. Kaloku abazukwazi ukukunceda abazalwana bebandla lakho elitsha ukuba abakuboni, okanye abafane bakubone. ULucinda, owafudukela kwidolophu enkulu yaseMzantsi Afrika neentombi zakhe ezimbini, uthi: “Ndacetyiswa ukuba ndizame ukuvana nabazalwana noodade abakwibandla endikulo, ndiye nabo entsimini, ndiphendule nakwiintlanganiso. Saxelela nabazalwana ukuba ingenzelwa ekhayeni lethu intlanganiso yenkonzo yasentsimini.”

Ukuncedisana nabazalwana noodade kwimisebenzi yebandla kuza komeleza ukholo lwakho nolwabo. UAnne-Lise ekuthethwe ngaye ngasentla wakhuthazwa ngabadala ukuba azame ukushumayela nabantu bonke. Kwenzeka ntoni? Uthi: “Ndakhawuleza ndabona ukuba nantsi eyona nto yenza umntu akhawuleze aqhelane nabavakalisi bebandla elitsha.” Enye into, ukuba uyancedisa xa kuklinwa naxa kulungiswa iHolo YoBukumkani, ubonisa ukuba uyaqonda ukuba eli libandla lakho nalo. Xa usoloko uncedisa kwizinto ezenziwa ebandleni, abazalwana noodade baza kukhawuleza bakwamkele, utsho uzive usekhaya.

Zenzele abahlobo abatsha

4. Zenzele abahlobo abatsha. (2 Kor. 6:​11-13) Eyona ndlela yokuzenzela abahlobo kukuba nomdla ebantwini. Ngoko ngaphambi nasemva kweentlanganiso ziphe ixesha lokuncokola nabo ukuze ubazi. Zama ukuwazi amagama abo. Ukuba uyawakhumbula, unobubele futhi wenza kube lula ukuba bathethe nawe, baza kukuthanda, utsho ufumane nabahlobo.

Endaweni yokuzenza umntu ongenguye kuba ufuna bakwamkele, banike ithuba lokukwazi ukuba ungumntu onjani. Yenza into eyenziwa nguLucinda, uthi: “Ngoku sivana kakhulu nabazalwana noodade bebandla lethu elitsha kuba sabamemela kuqala ekhayeni lethu, bengekasimemi bona.”

“YAMKELANANI”

Abanye basenokoyika xa bengena kwiHolo YoBukumkani egcwele ngabantu abangabaziyo. Yintoni onokuyenza ukuze ubancede bayeke ukoyika abantu abasand’ ukufika ebandleni lakho? Umpostile uPawulos wathi “yamkelanani, kanye njengokuba uKristu wanamkelayo nani.” (Roma 15:7) Xa abadala belinganisa uKristu, banokubanceda abo basafikayo bazive besekhaya. (Jonga ibhokisi ethi “ Xa Ufudukela Kwelinye Ibandla.”) Kodwa le nto inokwenziwa ngabo bonke abantu ebandleni, nkqu nabantwana.

Enye indlela onokubonisa ngayo ukuba uyabamkela abantu kukubamemela ekhayeni lakho, kodwa kusenokufuneka ubancede nokubanceda. Ngokomzekelo, omnye udade wazipha ixesha lokuya kubukisa udade ofikayo idolophu, wamcacisela nendlela ezisebenza ngayo izithuthi zikawonke-wonke. Lo dade ufikayo wayithanda nyhani loo nto, yamnceda waziva esekhaya.

UNOKUTSHO UKHULE

Ngaphambi kokuba intethe esakhulayo ikwazi ukubhabha, isixobula kaninzi isikhumba sayo. Ngoko xa ufudukele kwibandla elitsha, kufuneka wahlukane nazo zonke izinto ezikwenza ube nexhala, nezinokukwenza ungakwazi ukuhambela phambili ekukhonzeni uYehova. UNicolas noCéline bathi: “Ukufuduka kunokukwenza ufunde izinto ezininzi. Ukuze siqhelane nabantu abatsha nendawo entsha, kwafuneka sibe neempawu esasikade singenazo.” Xa ethetha ngendlela okwayinceda ngayo intsapho yakhe ukufuduka, uJean-Charles, ekuthethwe ngaye ngasentla uthi: “Kwibandla elitsha abantwana bethu baye bamthanda kakhulu uYehova. Kwiinyanga nje ezimbalwa sifikile, intombi yethu yaqalisa ukwenza iintetho zabafundi kwiintlanganiso zaphakathi evekini, yena unyana wangumvakalisi ongabhaptizwanga.”

Uza kuthini xa iimeko zingakuvumeli ukuba ufuduke, mhlawumbi uye apho kudingeka abavakalisi abaninzi? Kutheni ungavele uzixelele ukuba usafika kweli ukulo ibandla, uze uzame ukwenza ezi zinto zicetyiswe ngasentla? Ngoxa uthembele ngoYehova, sebenza nebandla. Yenza amalungiselelo okusebenza nabanye entsimini, wenze abahlobo abatsha, okanye usondelelane kakhulu nabo sowunabo. Mhlawumbi unganceda abo bafikayo okanye abadingayo, nokuba abakucelanga. Ekubeni umKristu wokwenene ebonakala ngothando, ngokuqinisekileyo ukwenza loo nto kuza kukusondeza kuYehova. (Yoh. 13:35) Unokuqiniseka ukuba “uThixo uyayithanda imibingelelo enjalo.”​—Heb. 13:16.

Ngoxa aye aneengxaki, amaKristu amaninzi aye onwaba akufika kumabandla amatsha. Kunokuba njalo ke nakuwe. UAnne-Lise uthi, “Ukutshintsha amabandla kundincede ndayivula intliziyo yam.” Ngoku uKazumi uqinisekile ukuba xa ufuduka “uye ubone uYehova ekunceda ngeendlela angazange wakunceda ngazo ngaphambili.” Uthini yena uJules? Uthi: “Abahlobo endiye ndanabo bandincede andabi ngathi ndilahlekile. Ndilithanda kakhulu eli bandla ndikulo ngoku, ngoko kunganzima kakhulu xa kufuneka ndihambe.”

a Ukuze ufumane amacebiso ezinto onokuzenza xa unengxaki efana nale, jonga inqaku elithi “Ukuhlangabezana Nokukhumbula Ikhaya Enkonzweni KaThixo” kwinqaku leMboniselo kaMeyi 15, 1994.