Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ufanele Ukholelwe KuThixo Oziqu Zithathu?

Ngaba Ufanele Ukholelwe KuThixo Oziqu Zithathu?

Bangaphezu kweebhiliyoni ezimbini abantu abathi bangamaKristu. Abaninzi kubo bangamalungu eecawa ezinemfundiso kaThixo Oziqu Zithathu—imfundiso yokuba uYise, uNyana nomoya oyingcwele benza uThixo omnye. Kwenzeka njani ukuba uThixo Oziqu Zithathu abe yimfundiso eyamkelekileyo? Okubaluleke nangakumbi, ngaba le mfundiso iyavisisana neBhayibhile?

BHAYIBHILE yagqitywa ngonyaka we-98. Kamva, kwavela iimfundiso ezakhokelela kwekaThixo Oziqu Zithathu ezamiselwa libhunga elalikwisixeko saseNicaea eAsia Minor, ngoku eyi-Iznik, eTurkey ngonyaka ka-325. NgokweNew Catholic Encyclopedia, isivumo sokholo seBhunga laseNicaea saba sisiqalo sengcaciso esemthethweni ‘yeemfundiso zecawa,’ kuquka ekaThixo noKristu. Kwakutheni ke ukuze kubonakale kuyimfuneko ukuba kubekho ingcaciso kaThixo noKristu emva kweminyaka iBhayibhile igqityiwe? Ngaba iBhayibhile ayicacanga kule miba ibalulekileyo?

NGABA UYESU UNGUTHIXO?

Xa uConstantine waba ngumlawuli woBukhosi baseRoma, abo bathi bangamaKristu babengavumelani ngolwalamano olukhoyo phakathi koThixo noKristu. Ngaba uYesu wayenguThixo? Okanye wayedalwe nguThixo? Ukuze alungise loo mbambano, uConstantine wabiza iinkokeli zeecawa eNicaea, kungekhona ukuze afumane inyaniso ngonqulo kodwa ngenxa yokuba wayengafuni unqulo lwahluleubukhosi bakhe phakathi.

“Kuthi thina kukho uThixo omnye, uYise.”—1 Korinte 8:6

UConstantine wacela oobhishophu, ekusenokwenzeka ukuba babengamakhulu, ukuba bafikelele kwisivumelwano esinye, kodwa isicelo sakhe sakhatywa. Wacebisa ukuba ibhunga livume imfundiso engacacanga yokuba uYesu “usisiqu esinye” (homoousios) kunye noYise. Le mfundiso yeentanda-bulumko zamaGrike engekhoyo eZibhalweni yaba sisiseko semfundiso kaThixo Oziqu Zithathu, njengoko kwaye kwaboniswa kamva kwizivumo zokholo zecawa. Ngasekupheleni kwenkulungwane yesine, yayisele ibalasele imfundiso kaThixo Oziqu Zithathu, equka inxalenye yakhe yesithathu, umoya oyingcwele.

KUTHENI UFANELE UBE NOMDLA?

UYesu wathi ‘abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngenyaniso.’ (Yohane 4:23) Loo nyaniso ibhalwe eBhayibhileni. (Yohane 17:17) Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba uYise, uNyana nomoya oyingcwele ngabantu abathathu kuThixo omnye?

 Okokuqala, iBhayibhile ayithethi ‘ngoThixo Oziqu Zithathu.’ Okunye, uYesu akazange athi uyalingana noThixo. Kunoko, uYesu wayemnqula uThixo. (Luka 22:41-44) Obunye ubungqina buphathelele ulwalamano lukaYesu kunye nabafundi bakhe. Nkqu nasemva kokuvuswa kwakhe enomzimba womoya, uYesu wayebiza abafundi bakhe ngokuthi “bazalwana bam.” (Mateyu 28:10) Ngaba babengabazalwana bakaThixo uSomandla? Unotshe! Kodwa ngokholo lwabo kuKristu—uNyana obalaseleyo kaThixo—nabo baba ngoonyana boYise omnye. (Galati 3:26) Thelekisa ezinye izibhalo kunye noku kulandelayo okuthethwa sisivumo sokholo seBhunga laseNicaea.

Oko kuthethwa siSivumo Sokholo saseNicaea:

“Sikholelwa . . . kwiNkosi enye uYesu Kristu . . . osisiqu esinye noYise, uThixo kaThixo, uKhanyiselo loKhanyiselo, oyena Thixo woyena Thixo.”

Oko ikutshoyo iBhayibhile:

  • “UBawo mkhulu kunam [Yesu].”Yohane 14:28. *

  • “Ndiyenyuka [mna Yesu], ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.”Yohane 20:17.

  • “Kuthi thina mnye uThixo, uYise.”1 Korinte 8:6.

  • “Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.”1 Peter 1:3.

  • “Utsho uAmen [uYesu], . . . ingqalo yayo indalo kaThixo.”ISityhilelo 3:14. *

^ isiqe. 13 Akekeliswe sithi. Zonke ezi vesi zithatyathwe kwiZibhalo Ezingcwele.

^ isiqe. 17 Incwadi enceda ekufundeni iBhayibhile ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibile? inezi zifundo zibini: “Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?” nesithi “Ngubani UYesu Kristu?” Ungazifumanela ikopi yakho kumaNgqina kaYehova okanye uyifunde kwi-intanethi kuwww.pr418.com.