Yiya kwinkcazelo

Ngaba UYesu NguThixo USomandla?

Ngaba UYesu NguThixo USomandla?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Abagculeli bakaYesu bamtyhola ngokuthi uzenza alingane noThixo. (Yohane 5:18; 10:30-33) Noko ke, uYesu akazange nanini na athi uyalingana noThixo uSomandla. Wathi: “UBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28.

Abalandeli bakaYesu bokuqala babengamjongi njengomntu olingana noThixo uSomandla. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wabhala ukuba emva kokuvuswa kukaYesu, uThixo “wamphakamisela kwisigxina esongamileyo [uYesu].” Kucacile ukuba, uPawulos wayengakholelwa ukuba uYesu nguThixo uSomandla. Ukuba kwakunjalo, uThixo wayeza kumphakamisela njani uYesu kwisigxina esongamileyo?—Filipi 2:9.