Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini Ukuba Ngcwele?

Kuthetha Ukuthini Ukuba Ngcwele?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ukuba ngcwele kuthetha ukuba kude ekungcoleni. Igama elithi ngcwele xa liguqulelwe kwisiHebhere lithetha ukuba kude. Ngamanye amazwi, into engcwele iba kude kwinto esoloko isetyenziswa, okanye iphathwa ngendlela engcwele kuba icocekile.

UThixo ungcwele ngendlela engenakuthelekiswa nanto. IBhayibhile ithi: “Akukho bani ungcwele njengoYehova.” a (1 Samuweli 2:2) Yiloo nto uThixo esibekela umzekelo wokuba ngcwele.

Igama elithi ngcwele linokusetyenziswa kuyo nantoni na enento yokwenza noThixo, ngokukodwa izinto ezisetyenziselwa kuphela ukumkhonza. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithetha:

  • Ngeendawo ezingcwele: UThixo wathi kuMoses xa wayesecaleni kwetyholo elalivutha: “Loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.”​—Eksodus 3:2-5.

  • Ngezihlandlo ezingcwele: AmaSirayeli akudala ayesoloko ekhonza uYehova kwimithendeleko yonqulo ekuthiwa ‘ziindibano ezingcwele.’​—Levitikus 23:37.

  • Ngezinto ezingcwele: Izinto ezazisetyenziswa ukuze kukhonzwe uThixo kwitempile yakudala eYerusalem kwakusithiwa ‘ziimpahla ezingcwele.’ (1 Kumkani 8:4) Ezo mpahla zazifanele ziphathwe kakuhle, kodwa zazingamele zikhonzwe. b

Ngaba umntu ongafezekanga angangcwele?

Ewe. UThixo uwayalela esithi amaKristu: “Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.” (1 Petros 1:16) Kakade ke, abantu abangafezekanga abanakuba ngcwele njengoThixo. Sekunjalo, abantu abathobela uThixo kunokuthiwa, ‘bangcwele, bamkelekile kuThixo.” (Roma 12:1) Umntu ongcwele ubonakala ngezinto azithethayo nazenzayo. Ngokomzekelo, uthobela icebiso leBhayibhile elithi, “ningcwaliswe, nikhwebuke kuhenyuzo” nelithi “yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu.”—1 Tesalonika 4:3; 1 Petros 1:15.

Ngaba umntu angayeka ukuba ngcwele phambi kukaThixo?

Ewe. UThixo akamjongi njengongcwele umntu oyekayo ukuthobela imithetho yakhe. Ngokomzekelo, incwadi yeBhayibhile, amaHebhere ibhalelwe ‘abazalwana abangcwele’ sekunjalo ilumkisa ‘ngentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo.’—Hebrews 3:1, 12.

Ubuxoki ngokuba ngcwele

Ubuxoki: Umntu unokuba ngcwele ngokuzivimba ubumnandi.

Inyaniso: IBhayibhile ithi, ‘ukungcungcuthekisa umzimba’ okanye ukuzivimba ubumnandi akakufuni uThixo. (Kolose 2:23) Kunoko, uYehova ufuna sonwabe. “Wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INtshumayeli 3:13.

Ubuxoki: Ukungatshati kwenza umntu abe ngcwele ngakumbi.

Inyaniso: Nangona umKristu enokukhetha ukungatshati, ukungatshati akumenzi abe ngcwele phambi kukaThixo. Yinyaniso kona ukuba, abantu abangatshatanga banokukhonza uThixo kungekho nto ibaphazamisayo. (1 Korinte 7:32-34) Sekunjalo, iBhayibhile ithi nabantu abatshatileyo banokuba ngcwele. Phofu, omnye kubapostile bakaYesu, uPetros, wayetshatile.​—Mateyu 8:14; 1 Korinte 9:5.

a Igama likaThixo nguYehova. Iivesi ezininzi zeBhayibhile zidibanisa eli gama nokuba ngcwele.

b IBhayibhile ayikuvumeli ukukhonzwa kwemifanekiso eqingqiweyo.​—1 Korinte 10:14.