Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Unendawo Ahlala Kuyo?

Ngaba UThixo Unendawo Ahlala Kuyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Ewe. UThixo unendawo ahlala kuyo—isezulwini. Khawuve ukuba zithini ezi vesi zeBhayibhile:

 Xa wayethandaza, uKumkani uSolomon wathi: “Kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo.”—1 Kumkani 8:43.

 UYesu Kristu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze ‘kuBawo osemazulwini.’—Mateyu 6:9.

 Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wangena “ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu.”—Hebhere 9:24.

 Ezi vesi zenza kucace ukuba uYehova uThixo ungumntu wokwenene yaye akakho kuyo yonke indawo, kunoko uhlala ezulwini kuphela.