Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?

Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UThixo uyakwazi ukubona zonke izinto nokwenza oko athanda ukukwenza naphi na. (IMizekeliso 15:3; Hebhere 4:13) Sekunjalo, iBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo ukho kuyo yonke indawo, nakuzo zonke izinto. Endaweni yoko, ibonisa ukuba uThixo ungumntu ibe unendawo ahlala kuyo.

  • Unjani uThixo?: UThixo ungumoya. (Yohane 4:24) Abantu abakwazi ukumbona. (Yohane 1:18) Imibono engoThixo echazwe eBhayibhileni isoloko imbonisa ekwindawo ahlala kuyo. Akaze aboniswe ekwindawo yonke.​—Isaya 6:1, 2; ISityhilelo 4:2, 3, 8.

  • Indawo uThixo ahlala kuyo: UThixo uhlala kwindawo engabonakaliyo, “emazulwini.” (1 Kumkani 8:​30) IBhayibhile isichazela ngexesha xa izidalwa zomoya ‘zangena ukuze zime ezindaweni zazo phambi koYehova.’ a Oko kubonisa ukuba uThixo uneyakhe indawo yokuhlala ezulwini.​—Yobhi 1:6.

Ukuba uThixo akekho kwindawo yonke, ngaba undikhathalele?

Ewe. UThixo ukhathalele ngamnye wethu. Nangona ehlala ezulwini, uyababona abantu abasemhlabeni abakufuna nyhani ukwenza ukuthanda kwakhe, aze abancede. (1 Kumkani 8:​39; 2 Kronike 16:9) Cinga ngeendlela uYehova abonisa ngazo ukuba ubakhathalele abakhonzi bakhe:

  • Xa uthandaza: UYehova ukuva kanye ngaloo mzuzu uthandaza ngawo.​—2 Kronike 18:31.

  • Xa ukhathazeke kakhulu: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo, yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”​—INdumiso 34:18.

  • Xa udinga ukhokelo: UYehova ‘uya kukuqiqisa, akuyalele’ esebenzisa ilizwi lakhe iBhayibhile.​—INdumiso 32:8.

Izinto ezingachananga ngokubakho kukaThixo kwindawo yonke

Into engachananga: UThixo ukho kwindalo yonke.

Inyaniso: UThixo akahlali emhlabeni, okanye nakweyiphi na enye indawo esinokuyibona. (1 Kumkani 8:​27) Yinyaniso ukuba iinkwenkwezi nayo yonke indalo ‘ivakalisa uzuko lukaThixo.’ (INdumiso 19:1) Sekunjalo, uThixo akahlali kwizinto azidalileyo kanye njengokuba umzobi engahlali kwimifanekiso ayenzileyo. Kodwa loo mifanekiso inokusichazela okuthile ngomzobi. Ngokufanayo, indalo esiyibonayo isichazela ngeempawu zoMdali “ezingabonakaliyo,” njengamandla, ubulumko nothando.​—Roma 1:20.

Into engachananga: UThixo umele abe kwindawo yonke ukuze azazi zonke izinto, nokuze enze nantoni na ayifunayo.

Inyaniso: Umoya oyingcwele kaThixo ngamandla akhe awasebenzisayo. Esebenzisa lo moya, uyakwazi ukubona nokwenza nantoni na, noba kuphi okanye kunini, kungakhange kufuneke aye ngokwakhe.​—INdumiso 139:7.

Into engachananga: INdumiso 139:8 ifundisa ukuba uThixo ukho kwindawo yonke xa isithi: “Ukuba ndinganyukela ezulwini, ubuya kuba lapho, nokuba ndingandlala isingqengqelo sam eShiyol, khangela! ubuya kuba lapho.”

Inyaniso: Esi sibhalo asithethi ngendawo ahlala kuyo uThixo. Kodwa ngendlela ebongayo, sifundisa ukuba akukho ndawo angenakukwazi ukufikelela kuyo ukuze asincede.

a UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.