Yiya kwinkcazelo

Yayingoobani IiNefili?

Yayingoobani IiNefili?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IiNefili ziingxilimbela, inzala enamandla angaphaya kwawomntu, eyabakho ngokuba iingelosi ezingendawo zabelane ngesondo namabhinqa exesha likaNowa. a

IBhayibhile ithi, “baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko.” (Genesis 6:2) ‘Oonyana bakaThixo’ yayizizidalwa zomoya ezavukela uThixo xa ‘basuka bayishiya indawo yabo efanelekileyo yokuhlala” ezulwini, bathatha imizimba yabantu baza “bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.”​—Yude 6; Genesis 6:2.

Ezi ngxilimbela zazingabantwana abangaqhelekanga. (Genesis 6:4) IiNefili zazibantlonta abantu, zingoozwilakhe ababebangela kubekho ugonyamelo emhlabeni. (Genesis 6:​13) Xa izichaza iBhayibhile ithi, “ngamadoda akudala anamandla, nadumileyo.” (Genesis 6:4) Kamva abantu bazilinganisa ngokuba nogonyamelo.​—Genesis 6:5; Numeri 13:33. b

Ubuxoki ngeeNefili

Ubuxoki: IiNefili zisaphila nangoku emhlabeni.

Inyaniso: UYehova wezisa umkhukula owalitshabalalisayo ihlabathi elinogonyamelo. IiNefili zatshatyalaliswa nabantu abangendawo. UYehova wakholiswa nguNowa nentsapho yakhe ibe ngabo kuphela abasindayo.​—Genesis 6:9; 7:12, 13, 23; 2 Petros 2:5.

Ubuxoki: IiNefili zazinootata abangabantu.

Inyaniso: Ootata bazo kuthiwa ‘ngoonyana boThixo oyinyaniso.’ (Genesis 6:2) IBhayibhile isebenzisa kwaeli binzana xa ichaza iingelosi. (Yobhi 1:6; 2:1; 38:7) Iingelosi ziyakwazi ukuzenza abantu. (Genesis 19:​1-5; Yoshuwa 5:13-15) Umpostile uPetros wathetha ‘ngoomoya abasentolongweni, ababekhe abathobela xa umonde kaThixo wawulindile ngemihla kaNowa.’ (1 Petros 3:19, 20) Ebhekisela kwakwimeko efanayo, umbhali weBhayibhile uYude uthi ezinye iingelosi ‘azisigcinanga isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala’​—Yude 6.

Ubuxoki: IiNefili yayiziingelosi eziwileyo.

Inyaniso: IGenesis 6:4 ithi iiNefili yayingezongelosi, kodwa ziingxilimbela, inzala enamandla angaphaya kwawomntu, eyabakho ngokuba iingelosi ezingendawo zabelane ngesondo namabhinqa. Emva kokuba iingelosi ‘zizithabathele abafazi kuzo zonke abazikhethayo’ uYehova wathi kwiminyaka eyi-120 uza kulitshabalalisa ihlabathi lelo xesha elingenaThixo. (Genesis 6:​1-3) Esi sibhalo songeza sithi, “ngaloo mihla,” iingelosi ezazenza abantu ‘zaba neentlobano zokwazana neentombi zabantu’ zaza zazala ‘amadoda akudala anamandla’ iiNefili.​—Genesis 6:4.

a Igama elithi Nefili xa liguqulelwe kwisiHebhere linokuthetha “Abawisi.” IWilson’s Old Testament Word Studies ithi, eli gama libhekisela kwabo “baziwisa phezu kwabantu ngogonyamelo, nto leyo ebangela ukuba bawe.”

b Iintlola ezingamaSirayeli ekuthethwa ngazo kwiNumeri 13:33 zabona abantu abazikhumbuza iiNefili, ezasweleka kudala.​—Genesis 7:​21-​23.