Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaKristu Amele Ayigcine ISabatha?

Ngaba AmaKristu Amele Ayigcine ISabatha?

Impendulo esuka eBhayibhileni

AmaKristu akalindelekanga ukuba ayigcine isabatha yeeveki ngeeveki. Alawulwa ‘ngumthetho kaKristu,’ yaye lo mthetho awutsho ukuba amele agcine iSabatha. (Galati 6:2; Kolose 2:16, 17) Yintoni esenza siqiniseke ngaloo nto? Makhe sithethe ngemvelaphi yeSabatha.

Yintoni iSabatha?

Igama elithi ‘iSabatha’ lisuka kwelesiHebhere elithetha “ukuphumla okanye ukungenzi nto.” EBhayibhileni, liqala ukuvela kwimiyalelo eyanikwa uhlanga lwakudala lwamaSirayeli. (Eksodus 16:23) Ngokomzekelo, omnye weMithetho Elishumi uthi: “Wukhumbule umhla wesabatha ukuba uwungcwalise. Wonikela inkonzo imihla emithandathu uze ngayo uwenze wonke umsebenzi wakho. Kodwa wona umhla wesixhenxe uyisabatha kuYehova uThixo wakho. Uze ungenzi nawuphi na umsebenzi ngawo.” (Eksodus 20:8-10) Usuku lweSabatha lwaluqala ekutshoneni kwelanga ngoLwesihlanu ukuya kutsho ekutshoneni kwelangoMgqibelo. Ebudeni belo xesha, amaSirayeli ayengavumelekanga ukuba ashiye indawo ahlala kuyo, abase umlilo, atheze iinkuni okanye athwale imithwalo. (Eksodus 16:29; 35:3; Numeri 15:32-36; Yeremiya 17:21) Yayiyinto enkulu ukophula le mithetho.—Eksodus 31:15.

Ezinye iintsuku zamaYuda kuquka unyaka wesixhenxe nowe-50, wawubizwa ngokuba yiSabatha. Ngonyaka weSabatha, kwakumele kungalinywa yaye amaSirayeli ayengenakunyanzela abanye ukuba bahlawule amatyala abo.—Levitikus 16:29-31; 23:6, 7, 32; 25:4, 11-14; Duteronomi 15:1-3.

Ukufa nokuzinikela kukaYesu, kwakucima iSabatha

Kutheni umthetho weSabatha ungasebenzi kumaKristu?

ISabatha yayimele igcinwe kuphela ngabantu ababephantsi koMthetho kaMoses. (Duteronomi 5:2, 3; Hezekile 20:10-12) UThixo wayengalindelanga ukuba igcinwe ngabanye abantu. Ngenxa yedini likaYesu Kristu kwanamaYuda ‘akhululwa kuMthetho,’ owawuquka iMithetho Elishumi. (Roma 7:6, 7; 10:4; Galati 3:24, 25; Efese 2:15) Kunokuba abambelele kuMthetho kaMoses, amaKristu namhlanje athobela umthetho wothando.—Roma 13:9, 10; Hebhere 8:13.

Ubuxoki nenyaniso ngeSabatha

Ubuxoki: UThixo wayiqalisa iSabatha ngosuku lwesixhenxe awaphumla ngalo.

Inyaniso: IBhayibhile ithi: “UThixo walusikelela usuku lwesixhenxe waza walungcwalisa, kuba uThixo waphumla ngalo kuwo wonke umsebenzi wakhe awudalileyo.” (Genesis 2:3) Ukuba siyayiqaphela, le vesi ayingomthetho onikwa abantu kodwa yinto eyenziwa nguThixo ngosuku lwesixhenxe lokudala. IBhayibhile iqalisa ukuthetha ngokugcinwa kweSabatha ngemihla kaMoses.

Ubuxoki: AmaSirayeli ayephantsi komthetho weSabatha ngaphambi kokuba afumane uMthetho kaMoses.

Inyaniso: UMoses wathi kumaSirayeli: “UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.” Oku kwenzeka kummandla ongakwiNtaba yeSinayi. (Duteronomi 5:2, 12) Indlela ababezenza ngayo izinto yayibonisa phandle ukuba iSabatha yayiyinto entsha kubo. Ukuba amaSirayeli ayephantsi koMthetho weSabatha ngoxa eseYiputa, yayiza kukwazi njani ukubakhumbuza ngokusindiswa kwawo eYiputa? (Duteronomi 5:15) Kwakutheni ukuze axelelwe ukuba amele angayiqokeleli imana ngosuku lwesixhenxe? (Eksodus 16:25-30) Yaye siyintoni isizathu sokuba angayazi into emele yenziwe kwityala lokuqala lomntu owaphula umthetho weSabatha?—Numeri 15:32-36.

Ubuxoki: Isivumelwano somthetho weSabatha sasisesexesha elingenammiselo, ngoko sisasebenza nanamhlanje.

Inyaniso: Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziyatsho ukuba iSabatha yayenzelwe ukuba ilandelwe ukusa “kwixesha elingenammiselo.” (Eksodus 31:16) Igama lesiHebhere elithi “ixesha elingenammiselo” lithetha ukuba “akukho xesha limisiweyo,” kodwa ke loo nto ayithethi kuthi asikho isiphelo. Ngokomzekelo, ababingeleli bayekiswa umsebenzi wabo nakuba kwakuthiwe baza kuwenza ixesha elingenammiselo.—Eksodus 40:15; Hebhere 7:11, 12.

Ubuxoki: AmaKristu amele ayigcine iSabatha ngoba noYesu wayeyigcina.

Inyaniso: UYesu wayengumYuda ngoko kwakumele athobele uMthetho kaMoses kuquka oweSabatha. (Galati 4:4) Emva kokuba efile, le mithetho yayingasasebenzi.—Kolose 2:13, 14.

Ubuxoki: Ekubeni wayengumKristu, umpostile uPawulos wayeyigcina iSabatha.

Inyaniso: UPawulos wayesiya kwindawo yokunqulela ngeSabatha, kodwa wayengayi kuba eyokuzimasa yona. (IZenzo 13:14; 17:1-3; 18:4) Kodwa eyona nto wayeyiyela yayikukushumayela ebantwini ababelapho. (IZenzo 13:15, 32) UPawulos wayeshumayela “yonke imihla,” kungekuphela nje ngosuku lweSabatha.—IZenzo 17:17.

Ubuxoki: ISabatha yamaKristu ingeCawa.

Inyaniso: Akukho ndawo eBhayibhileni ethi amaKristu amele abekele bucala usuku lwangeCawa ukuze anqule. Olu yayilusuku lokuqala lweveki yamaYuda yaye amaKristu okuqala ayelujonga njengosuku lokusebenza. I-International Standard Bible Encyclopedia ithi: “Into yokuba usuku lwangeCawa lube yiSabatha yaqalisa ngeminyaka yoo-300, xa [umlawuli wamaRoma] uConstantine wathi kukho imisebenzi ethile engenakwenziwa ngeCawa.” a

Kuthiwani ke ngeendawo eBhayibhileni ezibonisa ukuba iCawa yayilusuku olukhethekileyo? IBhayibhile ithi umpostile uPawulos wafumana isidlo namanye amakholwa “ngosuku lokuqala lweveki,” okanye ngeCawa. Kodwa ke, le nto iyaqondakala kuba lo mpostile wayeza kuhamba ngosuku olulandelayo. (IZenzo 20:7) Ngokufanayo, amanye amabandla ayedla ngokubeka imali ‘ngosuku lokuqala evekini,’ okanye ngeCawa. Le mali yayisetyenziswa ngamaxesha entlekele yaye siyaqondakala isizathu sokuba iqokelelwe ngolu suku kuba yayiyindlela elula yokubek’ imali. Le minikelo yayingasiwa kwindawo yokunqulela kodwa yayigcinwa emakhayeni.

Ubuxoki: Ayifuneki into yokubeka usuku olunye evekini lokuphumla nokunqula.

Inyaniso: IBhayibhile iwuyekela kumKristu ngamnye lo mba.—Roma 14:5.

a Jonga iNew Catholic Encyclopedia, Uhlelo Lwesibini, Umqulu 13, iphepha 608.