Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Mika 6:8—“Hamba Ngokuthobeka NoThixo Wakho”

Mika 6:8—“Hamba Ngokuthobeka NoThixo Wakho”

 “Ukuxelele, mntundini, okulungileyo.Yintoni ke uYehova ayifunayo kuwe?Ufuna nje ugwebe ngobulungisa, ukuthande ukuthembeka, uhambe ngokuthobeka noThixo wakho!”—Mika 6:8, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ukuxelelwe mntundini, oko kulungileyo, nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe: kukwenza ngobulungisa, uthande ububele, uhambe ngokuthobekileyo kunye noThixo wakho.”—Mika 6:8, IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996.

Into Ethethwa NguMika 6:8

 Umprofeti uMika uthi akukho nzima kakhulu ukwenza into efunwa nguYehova a uThixo. (1 Yohane 5:3) Into elindelwe nguThixo kuthi ichazwe kule vesi ngamazwi avakalayo nacacileyo. Amazwi okuqala athetha ngendlela umntu afanele amphathe ngayo omnye, kanti ekugqibeleni ithetha ngobuhlobo bethu noThixo.

 “Ukugweba ngobulungisa.” UThixo ucela abakhonzi bakhe ukuba benze into elungileyo. Le nto ithetha ukuba izinto esizicingayo nesizenzayo zifanele zibonise ukuba sihambisana nomthetho kaThixo wokwenza into elungileyo. (Duteronomi 32:4) Ngokomzekelo, abo bathobela imithetho kaThixo bazama ngandlela zonke ukuthembeka kubo bonke abantu nokungabakhethi abantu nokuba basuka koluphi uhlanga, bazizityebi okanye amahlwempu.—Levitikus 19:15; Isaya 1:17; Hebhere 13:18.

 “Ukuthanda ukuthembeka.” La mazwi asenokuguqulelwa nangokuthi “uthande uthando olungagungqiyo.” (Mika 6:8, umbhalo osemazantsi) KwisiHebhere sakudala, igama elithi “ukungagungqi” lithetha ukuthembeka nokubonisa ububele nenceba komnye umntu, ukwenza into engaphezu kwelindelekileyo. UThixo akafuni babe nobubele nje qha abo bafuna ukumthobela kodwa ufuna bazithande nezi mpawu. Loo nto ithetha ukuba abakhonzi bakhe bafanele bakuthande ukunceda abanye ingakumbi abo badinga uncedo. Xa sisipha, sitsho sivuye.—IZenzo 20:35.

 “Uhambe ngokuthobeka noThixo wakho.” EBhayibhileni, igama elithi “ukuhamba” linokuthetha “ukwenza loo nto yenziwayo.” Umntu unokuhamba noThixo ngokuphila ngendlela emvuyisayo. UNowa wasifundisa kanye loo nto. “Wahamba noThixo wokwenene” kuba wayethandwa nguThixo futhi “kubantu bexesha lakhe, wazingqina emsulwa.” (Genesis 6:9) Namhlanje ‘sihamba noThixo’ ngokuphila ngendlela ayichaze eLizwini lakhe iBhayibhile. Ukuze sikwazi ukuyenza le nto kufuneka sithobeke, siyamkele into yokuba zikhona izinto esingakwaziyo ukuzenza nokuba sixhomekeke kuThixo ngayo yonke into.—Yohane 17:3; IZenzo 17:28; ISityhilelo 4:11.

Into Ekuthethwa Ngayo KuMika 6:8

 UMika wayengumprofeti kwaSirayeli ukususela ngo-777-717 B.C.E. Ngelo xesha, abantu babekhonza oothixo, beziphethe kakubi futhi becinezela nabanye. (Mika 1:7; 3:1-3, 9-11; 6:10-12) AmaSirayeli amaninzi ayengazenzi izinto ezifunwa nguThixo ezibizwa ngokuba nguMthetho kaMoses. Abanye babecinga ukuba baza kuthandwa nguThixo xa besenza amasiko athile nemibingelelo.—IMizekeliso 21:3; Hoseya 6:6; Mika 6:6, 7.

 Kwiminyaka emininzi emva kwexesha likaMika, uYesu waphinda wathi, uTata wakhe uyabathanda abo babonisa uthando, ubulungisa, nenceba kodwa uyabacaphukela abo benza izinto ukuze babonakale ngathi bazinikele kuThixo. (Mateyu 9:13; 22:37-39; 23:23) Amazwi kaYesu asinceda sibone ukuba uThixo ulindele ntoni kubakhonzi bakhe namhlanje.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ube nofifi ngento ekuthethwa ngayo kwincwadi kaMika.

a UYehova ligama likaThixo eliguqulelwe ngokusuka kwisiHebhere. Linoonobumba abane u-יהוה (YHWH), ababizwa ngokuba yiTetragrammaton. Eli gama liguqulelwe ngokuthi, “LORD” othetha unkosi kwiNew International Version. Ukuze wazi nezinye izinto ngoYehova nokuba kutheni ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zingalisebenzisi igama lakhe, funda inqaku elithi “Ngubani UYehova?