Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

IMizekeliso 22:6—“Mqeqeshe Umntwana Ngendlela Amele Ahambe Ngayo”

IMizekeliso 22:6—“Mqeqeshe Umntwana Ngendlela Amele Ahambe Ngayo”

 “Mqeqeshe umntwana ngendlela amele ahambe ngayo; naxa sele emdala soze asuke kuyo.”—IMizekeliso 22:6, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha, soze ahlukane nayo naxa selekhulile.”—IMizekeliso 22:6, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa yiMizekeliso 22:6

 Abazali abafundisa abantwana ukuthanda uThixo nemithetho yakhe, banokulindela ukuba loo nto iza kubanceda ubomi babo bonke.

 “Yiqeqeshe inkwenkwe ngendlela emele ihambe ngayo.” La mazwi asenokuthetha ukuba “qeqesha umntwana wakho kwindlela elungileyo.” Incwadi yeMizekeliso inezibhalo ezininzi ezicebisa abazali ngendlela abanokufundisa ngazo abantwana babo ngezinto ezilungileyo nezirongo, besebancinci. (IMizekeliso 19:18; 22:15; 29:15) Abazali abanothando bayaqonda ukuba njengabantu abadala, abantwana babo kufuneka bazikhethele. Ngoko kunokuba baxelele abantwana babo ukuba mabenze ntoni, baye bancokole nabo baze babancede ukuba babe ngabantu abadala abakwaziyo ukuzenzela izigqibo ezilungileyo.—Duteronomi 6:6, 7; Kolose 3:21.

 Abanye abaphengululi beBhayibhile bathi eli gama lisenokuthetha ukuba “mqeqeshe umntwana ngendlela ayiyo,” okanye ngendlela enza ngayo izinto. Le ngcaciso isenokuvakala kakuhle, kodwa igama lesiHebhere elithetha “ngendlela emele ihambe ngayo” lisenokubhekisela kwindlela elungileyo neyobulungisa. Enye ibizwa ngokuba yindlela “yabantu abalungileyo,” “indlela yobulumko,” kanti enye kuthiwa “endleleni efanelekileyo.” (IMizekeliso 2:20; 4:11; 23:19) Enye indlela ibizwa ngokuba yindlela “yabenzi-bubi,” “indlela yesidenge,” kanti enye kuthiwe “kwindlela embi.” (IMizekeliso 4:14; 12:15; 16:29) Indlela umntwana amele “ahambe ngayo” ibhekisela “kwindlela elungileyo,”—leyo ifundiswa liLizwi likaThixo, iBhayibhile.—INdumiso 119:105.

 “Naxa sele emdala soze asuke kuyo.” Xa abazali befundisa umntwana wabo ngendlela kaThixo yokuziphatha, usenokuhlala kuyo ubomi bakhe bonke. Loo nto ayithethi ukuba umntwana ofundiswe kakuhle akasoze “asuke” kwindlela elungileyo okanye ayeke ukuthobela imithetho kaThixo. Ngokomzekelo, ukuba umntwana uhlala nabantu abenza izinto ezimbi, usenokuyishiya “indlela elungileyo” aze enze izinto ezimbi. (IMizekeliso 2:12-16; 1 Korinte 15:33) Nokuba loo nto ingenzeka, xa abazali befundisa abantwana babo ukulandela imithetho kaThixo, babanika eyona ndlela yokuphumelela ebomini.—IMizekeliso 2:1, 11.

Into ekuthethwa ngayo kwiMizekeliso 22:6

 IMizekeliso isahluko 22 sinamazwi amafutshane obulumko bukaThixo ngokuphathelele izinto ezahlukahlukeneyo zobomi. La mazwi agxininisa ukubaluleka kokuba nobuhlobo obuhle noYehova, a into umntu anokuba nayo xa ethobekile, enobubele, ibe esebenza nzima. (IMizekeliso 22:1, 4, 9, 29) Ngokwahlukileyo, ezinye iivesi zibonisa ukuba abo bangafuniyo ukuphila ngendlela uThixo ayifunayo, ibe becinezela amahlwempu baza kwehlelwa yintlekele.—IMizekeliso 22:8, 16, 22-27.

 Nangona iivesi ezininzi kwiMizekeliso 22 zingathethi ngokuqeqeshwa komntwana, zicacisa izinto umntu anokuzenza ukuze athandwe nguThixo aze onwabe ngokwenene. (IMizekeliso 22:17-19) Ngokuqeqesha abantwana babo ukuba baphile ngaloo ndlela, abazali babonisa ukuba bafuna abantwana babo baphile ubomi obubhetele.—Efese 6:1-3.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwincwadi yeMizekeliso.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi “Ngubani uYehova?