Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

1 Petros 5:6, 7—“Zithobeni Phantsi Kwesandla SikaThixo Esinamandla, . . . Ziphoseni Kuye Zonke Iingxaki Zenu”

1 Petros 5:6, 7—“Zithobeni Phantsi Kwesandla SikaThixo Esinamandla, . . . Ziphoseni Kuye Zonke Iingxaki Zenu”

 “Ngoko ke, zithobeni phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:6, 7, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo. Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.”—1 Petros 5:6, 7, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Oko Kuthethwa Ngu-1 Petros 5:6, 7

 Ngala mazwi, umpostile uPetros uqinisekisa amaKristu ukuba angathandaza kuThixo ekhululekile, achaze iingxaki zawo nezinto eziwenza ixhala. UThixo uyabathanda abantu abathobekileyo ibe uza kubasikelela.

 “Zithobeni phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo.” EBhayibhileni, amaxesha amaninzi isandla sikaThixo simela amandla akhe okusindisa nawokukhusela. (Eksodus 3:19; Duteronomi 26:8; Ezra 8:22) Xa amaKristu ethembela ngoThixo, azithoba phantsi kwesandla sakhe. Ayaqonda ukuba anezinto angakwaziyo ukuzenza ibe awanakukwazi ukumelana neengxaki ngaphandle kokuncedwa nguThixo. (IMizekeliso 3:5, 6; Filipi 4:13) Aqinisekile nokuba uThixo unamandla okuwanceda kanye ngohlobo oludingekayo nangexesha elifanelekileyo.—Isaya 41:10.

 “Ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.” Abo banyamezela iingxaki benomonde baqinisekile ukuba uThixo uza kubasikelela. Akazukuvumela ukuba abakhonzi bakhe balingwe ngento abangenakumelana nayo okanye ngonaphakade. (1 Korinte 10:13) Endaweni yoko, xa beqhubeka besenza izinto ezilungileyo, uThixo uza kubasikelela “ngexesha elifanelekileyo.”—Galati 6:9.

 “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” AmaKristu aphosa ixhala lawo kuThixo ngokuzithoba kuye ngomthandazo. Enye imbekiselo ithi: “Igama elithi ukuphosa lithetha ukulahla into ibe kude kuthi. Kukwenza into uzimisele.” Xa umKristu ephosa ixhala lakhe kuThixo, uye azole aze afumane “uxolo lukaThixo” njengoko iBhayibhile isitsho. (Filipi 4:6, 7) Uyaqiniseka ukuba uThixo uyafuna ukumnceda kuba umkhathalele ibe angasebenzisa amandla Akhe ukuze amxhase.—INdumiso 37:5; 55:22.

Into ekuthethwa ku-1 Petros 5:6, 7

 Umpostile uPetros ugqibezela ileta yakhe yokuqala awayithumelela amaKristu kwisahluko 5. (1 Petros 1:1) Abalandeli bakaKristu bakudala babefana nabangoku, kuba babeneengxaki ezazivavanya ukholo lwabo nezazinokubenza babe nexhala. (1 Petros 1:6, 7) Kuba uPetros wayezazi iingxaki ababenazo, wababhalela ileta ebakhuthazayo malunga no-62 ukuya ku-64 C.E.—1 Petros 5:12.

 Ekugqibeleni kweleta yakhe, uPetros ukhuthaza abo baneengxaki ngenxa yokuba bekhonza uThixo. Ukuba bahlala bethobekile baze bathembele ngoThixo, babenokuqiniseka ukuba uThixo uza kubanceda bahlale beqinile. (1 Petros 5:5-10) Amazwi kaPetros nanamhlanje angakwazi ukuwanceda amaKristu atshutshiswayo.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo ku-1 Petros.