Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ningathi Yicawa Nje Indawo Enikhonzela Kuyo?

Kutheni Ningathi Yicawa Nje Indawo Enikhonzela Kuyo?

EBhayibhileni, igama lesiGrike eliye maxa wambi liguqulelwe ngokuthi “icawa” libhekisela kwiqela labanquli, kungekhona kwisakhiwo abakhonzela kuso.

Phawula lo mzekelo: Xa umpostile uPawulos wayebhalela amaKristu aseRoma, wathumela imibuliso kuAkwila noPrisila yaye waleka ngelithi: “Bulisani necawa ekhonzela ekhayeni labo. (Roma 16:5, iContemporary English Version) UPawulos wayengayidluliseli esakhiweni imibuliso. Kunoko wayeyidlulisela ebantwini​—ibandla elalidibanela kwelo khaya. a

Ngoko, kunokuba sibize indawo esinqulela kuyo ngokuba yicawa, sisebenzisa ibinzana elithi “IHolo YoBukumkani.”

Kutheni Nisithi “IHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova”?

Eli binzana liyafaneleka ngenxa yezizathu eziliqela:

  • Isakhiwo yiholo, okanye indawo yokuhlanganisana.

  • Sihlanganisana ukuze sinqule uYehova, uThixo oseBhayibhileni nokuze sinikele ubungqina ngaye.​—INdumiso 83:18; Isaya 43:12.

  • Kwakhona siyahlanganisana ukuze sifunde ngoBukumkani bukaThixo, uYesu awayesoloko ethetha ngabo.​—Mateyu 6:9, 10; 24:14; Luka 4:43.

Wamkelekile ukuba ungaya kwiHolo yoBukumkani ekufutshane nawe uye kuzibonela indlela amaNgqina kaYehova aziqhuba ngayo iintlanganiso.

a Amabinzana afanayo ayavela kweyoku-1 kwabaseKorinte 16:19; Kolose 4:15; nakuFilemon 2.