Yiya kwinkcazelo

“Xa Umntu Eye Wanyaniseka Kwinto Nje Enye”

“Xa Umntu Eye Wanyaniseka Kwinto Nje Enye”

UDanielle, oliNgqina LikaYehova, waseMzantsi Afrika, wafumana ibhegi eyalityalwa ngumntu kwivenkile yokutyela. Kuloo bhegi kwakukho isipaji namakhadi. Kuba uDanielle wayefuna ukuyibuyisela emntwini wayo le bhegi, wakhangela iadresi nenamba yefowuni yakhe, kodwa wafumana nje igama laloo ndoda. Wazama ukumkhangela kwibhanki ayisebenzisayo, kodwa zange amfumane. UDanielle zange ancame. Wafowunela inamba ekwiphepha elisuka kugqirha, alifumene kulaa bhegi. Ibhinqa elisebenza ereception elaphendula ifowuni lathi liza kuyinika laa ndoda inamba kaDanielle.

Le ndoda yothuswa kukufowunelwa yiofisi kagqirha wayo, ixelelwa ukuba uDanielle uyifumene ibhegi yayo, ibe ufuna ukuyinika yona. Xa yayizokuyithatha, yabuliswa nguDanielle notata wakhe. Bamxelela ukuba kutheni bezame kangaka ukumkhangela. Bathi kuba bengamaNgqina KaYehova bazama ukuthobela imigaqo yeBhayibhile kwindlela abaphila ngayo. Yiloo nto bekufuna nyhani ukunyaniseka kuzo zonke izinto.​—Hebhere 13:18.

Emva kweeyure ezimbalwa, la ndoda yathumelela uDanielle notata wakhe umyalezo, ibulela ngokuba bemnike ibhegi nesipaji sayo. Yathi kulo myalezo: “Ndinibulela kakhulu ngozama kangangoko ninako ukundikhangela nindifumane. Ndikuvuyele kakhulu ukudibana nani nentsapho yenu, ibe andisoze ndinilibale ngokuba nobubele kangaka. Ndifuna ukuninika imali ukuze ndinibonise indlela endinibulela ngayo ngento eniyenzileyo. Ndiyayazi zikhona izinto enizincamileyo ukuze nikhonze uThixo. Into eniyenzileyo ibonisa ukuba ningabantu abalungileyo, ndiyibone kwindlela uDanielle aye wanyaniseka ngayo. Enkosi kakhulu, ingaske uThixo awusikelele umsebenzi eniwenzayo.”

Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, utata kaDanielle waphinda wathetha nale ndoda. Yambalisela ukuba ibiyokuthenga yaza yachola ipesi. Xa yalifumanayo ibhinqa elalilahlekelwe yile pesi, yalibalisela ukuba kutheni yenze loo nto. Yalixelela ukuba ifune ukuyibusela le pesi kuba kukho umntu oye wanyaniseka waza wabuyisela isipaji sakhe kuye. Yathi: “Xa umntu eye wanyaniseka kwinto nje enye, nomnye wenza into efanayo nakwabanye abantu. Loo nto yenza wonke umntu aphile ubomi obubhetele.”